bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Habakkuk 2
Habakkuk 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
Ndiya kuma pezu kwendawo yam yokulinda, ndizimise pezu kwenqaba, ndandiya kuqolosela ndize ndibone ukuba uya kuteta nto nina kum, nento endiya kupendula yona ngokupikisa kwam.
2
Waza uyehova wandipendula, wati: Ba̔la umboniso, uwuqingqe pezu kwamacwecwe, ukuze abaleke lowo uwuleseshayo.
3
Ngokuba umboniso ungowexesha elimiselweyo; kodwa uya kuteta ekupeleni, awuyi kuxoka: nakuba uzilazilayo, wulinde; ngokuba uya kuza ngenyaniso, awuyi kulibala.
4
Bona ke, ukukumele, awulungelelene umpefumlo wake pakati kwake; kodwa olungileyo uya kupila ngokolo.
5
Nakanjako, uyakohlisa ngeveyine; uyindoda ezidlayo, akahlali ekaya; owandisa inkanuko yake njengayo ihadesi; ewe, unjengokufa, akangekoliswe; uyazihlanganisela izizwe zonke, uyazibutela abantu bonke.
6
Aba bonke abayi kuteta ingoma na ngakuye, nesintsonkotelo sokuhlekisa ngaye, besiti: Makube nzima kulowo okwandisayo okungekokwake! kwoba kade kangakananina? nakulowo ozitwesayo ngezibambiselo ezininzi!
7
Abayi kusuka ngesiqupe na abo abaya kukuluma, bavuke abo abaya kukuzamazamisa? wauya kuba ngamaxoba abo.
8
Ngokuba upangile izizwe ezininzi, sonke isisalela sabantu siya kupanga wena; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
9
Kwoba nzima kulowo oqwebela indlu yake inzuzo ekohlakeleyo, ukuba ayibeke pezulu indawo yake yokuhlala, aze akululeke emandleni elishwa!
10
Ucebile okulihlazo kwindlu yako, ngokunqamla abantu abaninzi, usona owako umpefumlo nje.
11
Ngokuba ilitye laseludongeni libiza, nembopelelo yasemitini isabela kulo.
12
Kwoba nzima kulowo owakayo isixeko ngegazi, omisayo inqili ngobumenemene!
13
Bona ke, akuveli na kuyehova wemikosi, ukuba izizwe ziya kuzamela umlilo, nokuba intlanga zozidinisela okungento?
14
Ngokuba umhlaba uya kuzaliswa kukwaziwa kwobungcwalisa bukayehova, njengokuba amanzi egubungela ulwandle.
15
Kwoba nzima kulowo omsezayo ummelwane wake, utulula ubushushu bako, umnxilisa nje kanjako, ukuze ukangele ubuzé babo!
16
Ukolisile ukuba nehlazo esikundleni sobungcwalisa; sela nawe, uzibonakalise ungalukanga; indebe yesokunene isandla sikayehova yojikela kuwe, kwakuya kubako ihlazo elikulu pezu kwobungcwalisa bako.
17
Ngokuba ubudlwengu obenzelwe i‐Lebanone buya kugubungela wena, njengokuba imbujiswa yezilo itusa zona; ngenxa yegazi labantu, nobudlwengu obenziwe elizweni, esixekweni, nakubo bonke abemiyo kuso.
18
Kunceda nto nina umfanekiso oqingqiweyo, ukuba umdali wawo uwuqingqile? kunceda nto nina umfanekiso otyityishiweyo, ofundisayo ubuxoki, ukuba umdali wesidalo sake atembele kuso, esenza izitixo ezingenakuteta?
19
Kwoba nzima kulowo oti emtini: Vuka! nasetyeni elingenakuteta: Zivuse! Wofundisa wona nje! Nanguya walekiwe ngegolide nangesilivere, kanti akuko namnye umoya pakati kwawo.
20
Kodwa uyehova usetempileni yake engcwele: yiti tu ebusweni bake, mhlaba wonke!
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3