bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Habakkuk 3
Habakkuk 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
UMTANDAZO ka‐Habakuke umprofite: ngeshigayone.
2
Yehova! ndivile intshumayelo yako, ndoyika ke: Yehova! umsebenzi wako wupilise pakati kweminyaka: pakati kweminyaka wazise; emsindweni kumbula itaṙu.
3
Wavela utixo e‐Temani, noyingewele entabeni ye‐Parane. Sela. Ubungcwalisa bake bagubungela amazulu, wati umhlaba wazala ludumo lwake.
4
Inkazimlo yake ibinjengokukanya; ebenemita ipuma esandleni sake: kodwa bekuko apo ukufihlwa kwamandla ake.
5
Pambi kwake kwahamba isifo esibubisayo; saye sipuma isikuhlane esitshayo ezinyaweni zake.
6
Wema ke, wazamazamisa umhlaba; wakangela, wangcangcazelisa izizwe; intaba ezisisimakade zaci̔twaci̔twa, nenduli ezingunapakade zatshona: izihambo ezingunapakade zezake.
7
Ndabona intente zase‐Kushane pantsi kwobubi; amalengalenga elizwe le‐Midiyane angcangcazela.
8
Uyehova ebequmbile ngasemilanjeni na? ingqumbo yako ibingasemilanjeni na? umsindo wako ubungaselwandle na, ukuba wakwela emahasheni ako, ezinqwelweni zako zosindiso?
9
Isipeta sako besihlubulukile, senzwa zé: izifungo zezizwe! latsho ilizwi. Sela. Wacandekisa umhlaba ube yimilambo.
10
Intaba zakubona, zatutumela; umsinga wamanzi wagqita; inzulu yaku̔pa ilizwi layo, yapakamisela pezulu izandla zayo.
11
Ilanga n enyanga zema entlalweni yazo, ngokukanya kwentolo zako e zabalekayo, ngokukazimla kwokubengezela kwomkonto wako.
12
Wahamba pakati kwomhlaba ngokuṙala, wazibula izizwe ngengqumbo.
13
Wapuma ngenxa yokusindiswa kwabantu bako, ngenxa yokusindiswa kwabatanjisiweyo bako: walimaza intloko kwindlu yokohlakeleyo, uhluba umsekelo kude kube sentanyeni. Sela.
14
Wayihlaba ngezayo izikali intloko yabemizi yake, a benzayo isantya njengesaqwiti ukundici̔ta; ukugcoba kwabo bekukokwokudla amahlwempu ngasese.
15
Wahamba pakati kwolwandle ng amahashe ako, pakati kwokukepuza kwamanzi amaninzi.
16
Ekuveni kwam wangcangcazela umbilini wam, umlomo wam waqaqazela ngenxa yelizwi; ukubola kwangena ematanjeni am, ndangcangcazela endaweni yam; ukuba ndipumle emhleni yobunzima, akunyuka ngakubo abantu aya kubawela.
17
Nakuba umkiwane ungatyatyambi, kungeko ukuxakata emitini yeveyine; nakuba ukuhlanza kweminquma kutshitsha, engavelisi ukutya amasimi; nakuba umhlambi unqanyulwa esibayeni, zingeko inkomo ezitaleni:
18
ndiya kuvuyelela noko kuyehova, ndiya kugcoba kutixo wosindiswa lwam.
19
Uyehova oyinkosi ungamandla am; waeya kuzenza inyawo zam zibe njengezamaxamakazi, andihambise ezinyangweni zam. Kumhlabeli omkulu owenza ngeneginote zam.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3