bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Samuel 27
1 Samuel 27
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 28 →
1
Emva koko uDavide wacinga wathi: “Uya kuze andithi hlasi andibulale uSawule lo ngenye imini. Icebo linye ke: kukusabela kwelamaFilistiya. Wondincama ke uSawule, ayeke ukundifuna kwaSirayeli, ndibe ke ndiyaphuncuka esandleni sakhe.”
2
Wanduluka ke uDavide kunye namadoda akhe angamakhulu amathandathu, benjenjeya ukusinga kwa-Akishe, unyana kaMawoki, ukumkani waseGati.
3
Bafumana indawo ke apho ooDavide namadoda akhe, bahlala neentsapho zabo kwelo zwe. UDavide wayehamba nabo abafazi bakhe uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli umhlolokazi kaNabhali waseKarmele.
4
USawule akuva ukuba uDavide wasabela eGati, wanikezela, wayeka ukumzingela.
5
Wathi uDavide kuAkishe: “Ukuba uyakholwa ndim, ndinike idolophana kwezisemaphandleni, ndihlale kuyo. Akukho nto ithi mandihlale apha komkhulu kunye nawe, mhlekazi.”
6
Ukumkani uAkishe wamnika idolophu iZikelage. Kususela loo mini ke iZikelage yaba phantsi kolawulo lweekumkani zakwaJuda.
7
Apho eFilistiya uDavide wahlala unyaka oneenyanga ezine.
8
Ngelo xesha ke uDavide namadoda akhe babemana behlasela amaGeshuri namaGezere kunye nama-Amaleki. Kwamandulo ezi zizwe zazimi kuloo mmandla osuka eShure, uthi ga ngelamaJiputa.
9
Ngalo lonke ixesha uDavide ehlasela ummandla othile wayebulala onke amadoda nabafazi, athimbe zigusha, zinkomo, zidonki, neenkamela, nditsho nkqu nempahla enxitywayo. Emva koko wayedla ngokubuyela kwakumkani uAkishe.
10
Xa ukumkani uAkishe wayembuza athi: “Ubuye kuhlasela phi namhlanje?” uDavide wayedla ngokuphendula athi: “Ndivela ezantsi kwelakwaJuda,” okanye athi: “Ndivela kummandla wakwaJerameli ezantsi,” okanye athi: “Ndivela ezantsi kwelamaKeni.”
11
Wayedla ngokubulala wonke umntu uDavide, indoda nomfazi, kuba wayesithi: “Bangasintama, bathi: ‘UDavide wênza oku noku.’ ” Wenjenjalo ke uDavide ngalo lonke elo xesha aseFilistiya.
12
UAkishe wayemthembile uDavide kangangokude avakale esithi: “Selenuka kangaka nje kumawabo amaSirayeli, uza kuhlala apha, abuse kum bonke ubomi bakhe.”
← Chapter 26
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 28 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31