bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
1 Samuel 31
1 Samuel 31
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
1
Aqubisana amaFilistiya namaSirayeli, aswantsuliswa amaSirayeli, kwawa inkitha yawo kuloo ntaba iGilibhowa.
2
AmaFilistiya awasukela, athana mbende noSawule kunye noonyana bakhe, aza ababulala bobathathu oonyana bakaSawule, uJonatan, noAbhinadabhi, kunye noMalkishuwa.
3
Laba shushu idabi kufuphi noSawule, abatoli bamngxwelerha.
4
Kweso sithuba uSawule ubhekise kumfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele, undigwaze. Andifuni kuvuyelelwa zeziya ntlanga zingalukanga, xa ziza kundibulala.” Loo mfana kambe akazange avume kuyenza loo nto, kuba wayesoyika. USawule ke urhole ikrele lakhe, waza waziphosa kulo.
5
Wathi akubona uSawule efile, naye loo mfana waziphosa kwelakhe ikrele, wafa kunye noSawule.
6
Kwaba njalo ke ukufa kukaSawule, noonyana bakhe bobathathu, kunye naloo mfana owayemphathela izikhali. Kwawa onke amadoda omkhosi kaSawule ngaloo mhla.
7
AmaSirayeli angaphesheya kwentili nangaphesheya kweJordan athi akubona ukuba umkhosi wakwaSirayeli uswantsulisiwe, nokuba uSawule kunye noonyana bakhe bawile, ashiya iidolophu zawo, abhaca. Afika amaFilistiya, ahlala kwezo dolophu zawo.
8
Ngengomso xa amaFilistiya aya kuphanga impahla yâbo babewe edabini, afika izidumbu zooSawule noonyana bakhe bobathathu ziqungquluze apho kuloo ntaba iGilibhowa.
9
Amnqumla intloko uSawule, amkhulula izixhobo zakhe zemfazwe, athumela izigidimi kulo lonke elamaFilistiya, ukuba ziye kuvakalisa iindaba zoloyiso ezindlwini *zoothixo bawo nakuwo onke amawabo.
10
Izikrweqe zikaSawule azibeka endlwini yothixo wawo uAshtaroti, isidumbu sakhe asibethelela kudonga lwedolophu iBhete-shan.
11
Zathi zakuvakala kubantu baseJabheshe eGiliyadi iindaba zento eyenziwe kuSawule ngamaFilistiya,
12
kwanduluka onke amagorha alapho, ahamba ubusuku bonke esinga eBhete-shan. Afika azithula izidumbu zooSawule noonyana bakhe kolo donga lwaseBhete-shan, agoduka nazo, aya kuzitshisa eJabheshe.
13
Emva koko bawathatha amathambo abo, baya kuwangcwaba ngaphantsi komthi womtamariske eJabheshe, baza bazila iintsuku ezisixhenxe.
← Chapter 30
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31