bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Corinthians 1
2 Corinthians 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
1
Kubhala mna Pawulos – *endingumthunywa kaKrestu Yesu, ngokuthanda kukaThixo – kunye noTimoti uwethu. Sibhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, nemilowo yakhe yonke kwelaseAkaya, sisithi:
2
Wanga uThixo uBawo wethu, kunye neNkosi uYesu, anganenzela isisa, aniphe uxolo.
3
Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo.
4
Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.
5
Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.
6
Xa sukuba thina sisiva ubunzima, loo nto ibangela ukuba nikhuthale, nto leyo iphelela elusindisweni. Naxa sukuba thina sithuthuzelwa, siyancedwa ukuze sikwazi ukunithuthuzela, khon' ukuze nizithwale ngomonde iimbandezelo ezifana nezethu.
7
Ithemba lethu ngani aligungqi, kuba siyazi ukuba njengoko nidlelana nathi nje ngeembandezelo, nikwadlelana nathi nangothuthuzelo esilufumana kuThixo.
8
Mawethu, sifuna niziqonde into eziyiyo iinzima esazifumana kwiphondo laseAsiya. Sasithwele ubunzima apho, sada saphants' ukulilahla ithemba lokuphila.
9
Sasesilibona lijinga phezu kwethu ithunzi lokufa. Loo nto yasifundisa ukuthembela kuThixo ovusa abafileyo, singazithembi thina.
10
Wasikhulula kwezo ngxingongo zokufa, yaye usasikhulula nangoku. Ewe, aligungqi ithemba lethu lokuba usaza kusikhulula nangomso,
11
njengoko nani nisixhasa ngokusithandazela. Ngoko ke ngenxa yobuninzi babantu abasithandazelayo, boba baninzi nabambulelayo uThixo ngenxa yesisa sakhe kuthi.
12
Ibhongo lethu linye ngani: lelokuba asinasazela nganto ngokuziphatha kwethu phakathi kwabantu behlabathi, ingakumbi ke phakathi kwenu. Besinyanisekile, singahanahanisi. Besingenamaqhinga, koko besilawulwa sisisa sikaThixo.
13
Sinibhalela ezo zinto ninokuzifunda niziqonde. Kwaye ke ngumnqweno wam ukuba ezi zinto niziqonda nganxanye
14
nide niziqonde ngokupheleleyo. Kaloku noba nebhongo ngathi kwanjengoko nathi siya kuba nebhongo ngani ngeMini yeNkosi uYesu.
15
Kangangokuba ndandiqinisekile ngalo mbandela ndazimisela ukuba ndinityelele, ukuze nina nibe sethamsanqeni lokuba ndinihambele kabini.
16
Kaloku ndandizimisele ukuba ndinityelele kabini, xa ndiyayo naxa ndibuyayo eMakedoni, nize ke nina nindisize kuhambo lwam oluya kwelakwaJuda.
17
Ngaba ke ndafana ndasijika nje esi sicwangciso? Ngaba xa ndicwangcisayo ndenza nje ngokuzithandela, ndilungele ukuthi ewe okanye hayi ngokuthanda kwam?
18
Njengokuba uThixo enyanisekile, umlomo wam kuni wawungenguye uewe nohayi ombaxa.
19
UNyana kaThixo, uYesu Krestu lo washunyayelwa kuni nguSilas noTimoti nam, akathi ewe-hayi, hayi-ewe, ngaxesha-nye. Endaweni yaloo nto unguewe kaThixo.
20
Unguewe kaThixo kuzo zonke izithembiso zakhe. Yiyo ke loo nto simdumisa uThixo sisithi “*Amen” ngaye uYesu Krestu.
21
NguThixo osizimasileyo thina nani ngokusimanya noKrestu. Ewe, nguThixo ngokwakhe osiphawuleyo wasithambisa ngoMoya oyiNgcwele ohleli kuthi osisiqinisekiso sezinto ezizayo.
23
UThixo uyandingqinela ukuba isizathu sokuba ndingezi eKorinte yayikukwazelelela nina.
24
Andifuni ukunintlokothisa elukholweni. Ndiyasebenzisana nani ukuze nonwabe, lube ke phofu nokholo lwenu aluhexi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13