bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
2 Corinthians 10
2 Corinthians 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
1
Ndim, mna Pawulos ngenkqu, onibongozayo, nakuba kusithiwa ndinobulali ndithantamisa xa ndilapho phakathi kwenu, kodwa ndithi ndakuba ndisithele ndibe nesibindi nobuganga ngakuni. Ndiyanicenga ke, ngenxa yokuthantamisa nobubele bukaKrestu:
2
musani ukundinyanzela ukuba ndibe nesibindi nobuganga ndakuba ndifikile apho kuni; kuba ke ndiyaqonda ukuba ndinganabo ubuganga kwabo bandityhola ngokuthi ndiqhutywa lifuthe labantu beli hlabathi.
3
Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.
4
Kaloku izixhobo esilwa ngazo ayizizo ezehlabathi, koko zizikrweqe ezomeleleyo zikaThixo. Ngazo ke sidiliza iinqaba. Ewe, sichitha iingxoxo ezilahlekisayo;
5
sidiliza ngazo yonke imiqobo yamabhongo achasa ukuba abantu bamazi uThixo; sithimba zonke iingcamango, sizenze zithobele uKrestu.
6
Xa nani ke seniyibonakalisile ngokupheleleyo neyenu intobeko, soba nako ke ukulungela ukohlwaya yonke inkcaso.
7
Izinto zijongeni njengokuba zinjalo. Ngaba ukho na apho phakathi kwenu ozimisele ukuba ungokaKrestu yena? Lowo ke makazikise ukucinga, kuba nathi singabakaKrestu kwanjengaye.
8
Kuba andinazintloni, nokuba lingade libe lithe kratya iqhayiya lam ngegunya esalinikwa yiNkosi. Ligunya lokunakha, asililo elokunidiliza.
9
Iileta zam sanukuzithatha ngokungathi ndizama ukunigrogrisa ngazo.
10
Kaloku abanye bathi: “Unesibindi nobuganga xa ebhala, kodwa asakufika yena buqu, ulitatasholo, nokuthetha kwakhe kuphuthile.”
11
Abo batshoyo mabaqonde le ndawo: ukufika kwam apho ndiya kwenza kwangale ndlela ndithetha ngayo xa ningekhoyo.
12
Ngenene, thina asingeze sazilinganisa nabo baziphakamisayo. Bazizityhakala! Bazilinganisa nabo ngokwabo, besebenzisa imigangatho abayimise kwangokwabo!
13
Okwethu ke ukuqhayisa kuphantsi kwemida ethile. Akudluli kwimida yokusebenza esiyimiselwe nguThixo, ebandakanya nokusebenza kwethu phakathi kwenu.
14
Njengoko ke nani nikwakuloo mida, andiyitsibanga ke ngokuza kuni ndiniphathele iindaba ezimnandi ezingoKrestu.
15
Ngoko ke andiqhayisi ngomsebenzi owenziwe ngabanye ngaphaya kwemida endiyimiselwe nguThixo. Ndaweni yaloo nto, ndinethemba lokuba lwakukhula ukholo lwenu, ndiya kuba nako ukwenza umsebenzi ongaphezulu phakathi kwenu, ndisoloko ndikwimida endiyimiselwe nguThixo.
16
Kamva ke ndoba nako ukuzishumayela iindaba ezimnandi kumazwe angaphaya kwenu, ukuze ndingaqhayisi ngomsebenzi osewenziwe kwimida yomnye umntu.
17
Kodwa ke, njengoko zitshoyo *iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.”
18
Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13