bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Amos 3
Amos 3
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 4 →
1
Liveni eli lizwi alibhekisa kuni *uNdikhoyo, bantu bakwaSirayeli, kuni nalo lonke usapho lwakhe awalukhuphayo eJiputa:
2
“Nini kuphela abantu endabanyulayo kwizizwe zonke zehlabathi; yiyo ke loo nto ndiza kunohlwaya ngenxa yobugwenxa benu bonke.”
3
Bakha bahamba kunye na ababini bengavani?
4
Kanene, ikhe igqume ehlathini ingonyama ingenalo ixhoba? Khona, ikhe irgargame ingonyama entsha esikhundleni sayo ingabambanga nto?
5
Yona intaka ikhe ingene kwisabatha apho kungabekwanga mgibe khona? Sona isigu khe sifane sibambise nje, kungekho nto ibanjiweyo?
6
Kanene, khe kubekho intlaba-mkhosi ingabothusi abantu esixekweni? Hee, khe kuvele ishwangusha esixekweni lingasuki kuNdikhoyo?
7
Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo *abashumayeli.
8
Yakugquma ingonyama, ngubani ongakhwankqiyo? Yakuthetha iNkosi uNdikhoyo, ngubani ongalayo ukushumayela?
9
Luvakalise olu daba kumabhotwe aseAshdode; luxele nakumabhotwe aseJiputa, uthi: “Buthelani ezintabeni zaseSamariya, niye kubona imbudumbudu ekweso sixeko, niyijonge ingcinezelo elapho.”
10
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Abo bantu abazani tu nobulungisa; amabhotwe abo azele zizinto abazizuze ngobugebenga nangokuxhaphaza.”
11
Yiyo ke loo nto iNkosi uNdikhoyo itshoyo ukuthi: “Umhlaba wenu uza kurhawulwa ziintshaba, zinaphule iimpondo, zithimbe naloo mabhotwe enu.”
12
Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Kuloo maSirayeli athe zava kwezo sofa zaseSamariya, ehleli kwezo zihlalo zitofo-tofo, kosinda nje imbinana, ngathi yimilenze yegusha okanye isijungqe sendlebe efane yaxhwilwa ngumalusi emlonyeni wengonyama.”
13
Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo uThixo onamandla onke: “Yivani, nize niyilumkise inzala kaYakobi.
14
Kaloku ngaloo mini ndomohlwaya uSirayeli ngenxa yeziphoso zakhe, ndiwadilize amaqonga aseBhetele, nezo mpondo zawo ndizinqumle ziwe phantsi.
15
Ndozichitha izindlu zasebusika nezasehlotyeni, ndiwatsho abe ngamabhodlo loo mabhotwe ahonjiswe ngamabamba eendlovu, aphele amapomakazi alapho.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9