bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Amos 7
Amos 7
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 8 →
1
Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndabona idala umqikela weenkumbi xa kanye ingca yayiqala ukuntshula emva kokuba imfuyo kakumkani yayisikelwe utyani.
2
Ndazibona xa seziza kulugqiba lonke uhlaza, ndathi: “Tarhu, Nkosi yam Ndikhoyo, baya kuphila yintoni kodwa abantu bakwaYakobi, beziindwayi nje?”
3
UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” utshilo uNdikhoyo.
4
Naku eyandibonisa kona iNkosi *uNdikhoyo. Ndayibona ilungiselela ukohlwaya uluntu ngomlilo. Loo mlilo waqala ngokutshisa amanzi enzonzobila, wabuya usiza kubhubhisa umhlaba.
5
Ndaza ndathi: “Nceda, Nkosi Ndikhoyo; pheza ngoku. Abantu bakwaYakobi baya kuphela, beziindwayi nje!”
6
UNdikhoyo wasijika isigqibo sakhe malunga nalo mba. “Ayiyi kuba senzeka loo nto,” itshilo iNkosi uNdikhoyo.
7
Naku eyandibonisa kona. INkosi yayimi ngaseludongeni olwalwakhiwe lumpuluswa, iphethe isixhobo sokulungelelanisa.
8
Uthe ke kum *uNdikhoyo: “Amos, ubona ntoni?” Ndathi: “Ndibona isixhobo sokulungelelanisa.” Yathi iNkosi: “Uyabona, ndiza kubalinganisa ngesixhobo sokulungelelanisa abantu bam amaSirayeli. Ke andiyi kubuya ndijike ndingabohlwayanga.
9
Zonke eziya ndawo ziphakamileyo banqula kuzo abendlu kaIsake ziza kubhanga. Ziza kuba ngamabhodlo zonke izibingelelo zamaSirayeli. Indlu kaJerobhowam ndiza kuyibhangisa ngekrele.”
10
UAmaziya owayengumbingeleli eBhetele wathumela kukumkani uJerobhowam wakwaSirayeli, wathi: “UAmos ukwenzela iyelenqe apha kanye kwaSirayeli. Ilizwe alingekhe liwanyamezele onke amazwi akhe.
11
Kaloku uAmos uthi: ‘UJerobhowam uza kufa likrele, amaSirayeli wona athinjwe afuduswe emke kweli lizwe.’ ”
12
Waza wabhekisa kuAmos uAmaziya, wenjenje: “Hamb' umke, mbonindini! Hamba ubuyele kwilizwe lakwaJuda, uphangele uzuze isonka sakho ngokushumayela apho.
13
Uzungabuye uphinde ushumayele apha eBhetele. Le yindawo yokunqulela ukumkani; esi sisibingelelo sakomkhulu.”
14
Wathi uAmos ukuphendula uAmaziya: “Mna andinguye umshumayeli, ndingenguye noweqela labashumayeli abahlawulwayo. Ndingumfuyi mna, ndaye ndilima amakhiwane.
15
Ndisuswe *nguNdikhoyo koko kufuya. UNdikhoyo uthe kum: ‘Yiya ushumayele kubantu bam amaSirayeli.’
16
Phulaphula ke, ulive ilizwi likaNdikhoyo. Wena uthi: ‘Musa ukushumayela kuwo amaSirayeli, ungathethi lizwi lichaseneyo nendlu kaIsake.’
17
Ke yena uNdikhoyo utsho kuwe ukuthi: ‘Umkakho uza kuhamba ehenyuza esixekweni. Oonyana bakho neentombi zakho baza kufa likrele. Umhlaba wakho uza kwabelwa abanye abantu. Wena uza kufela ezweni elicekisekileyo. Andisathethi ke ngawo amaSirayeli; wona aza kususwa kowawo umhlaba, asiwe ekuthinjweni.’ ”
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9