bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezra 1
Ezra 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
1
Ngonyaka wokuqala kakumkani uKoreshi wasePeshiya, ukuzalisekisa amazwi awawathetha ngomlomo kaJeremiya, *uNdikhoyo wawuxhokonxa umoya kakumkani uKoreshi wasePeshiya, waza wawisa umthetho kuwo wonke ummandla wakhe, wayalela ukuba ubhalwe, kusithiwa:
2
“Utsho uKoreshi, ukumkani wasePeshiya, ukuthi: ‘UNdikhoyo uThixo wezulu uzinikele kum zonke izikumkani zehlabathi, kananjalo undimisele ukuba ndimakhele indlu eJerusalem kwelakwaJuda.
3
Ngoko ke, nabani phakathi kwenu nonke ongowabantu bakhe, ngamana uThixo wakhe waba naye, anduluke aye eJerusalem kwelakwaJuda, ayakhe indlu kaNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, uThixo oseJerusalem.
4
Onke amasalela, ezindaweni zonke axhwarhe kuzo, makancedwe ngabantu bezo ndawo akuzo, anikwe isiliva negolide nenye impahla, kunye nemfuyo kwaneminikelo yokuqhutywa yintliziyo ukwenzela indlu kaThixo eJerusalem.’ ”
5
Ke kaloku iinkulu zezindlu zakwaJuda nakwaBhenjamin, ababingeleli, nabaLevi, naye wonke umntu ontliziyo ichukunyiswe nguThixo, balungiselela ukuya kwakha indlu kaNdikhoyo eJerusalem.
6
Bonke abamelwane babo babancedisa ngezinto zesiliva, nezegolide, nenye impahla, nangemfuyo, nezipho ezixabisekileyo, ndawonye neminikelo yokuqhutywa yintliziyo.
7
Kananjalo ke ukumkani uKoreshi wayikhupha impahla eyayisetyenziswa endlwini kaNdikhoyo, leyo yayithinjwe nguNebhukadenezare eJerusalem waza wayibeka endlwini yothixo wakhe.
8
Ukumkani uKoreshi wasePeshiya wathi mayikhutshwe nguMitredati unondyebo, owazibalayo wazinikezela kuSheshbhazare itshawe lakwaJuda.
9
Ngawo la ke amanani azo: izitya zegolide 30 izitya zesiliva 1 000 iipani zesiliva 29
10
iindebe zegolide 30 iindebe zesiliva eziyeleleneyo 410 ezinye izitya 1 000
11
Zizonke ke ezi zinto zingamawaka amahlanu anamakhulu amane, izezegolide nezesiliva. Xa bagodukayo ke abathinjwa bephuma eBhabheli besiya eJerusalem, uSheshbhazare wazithatha bahamba nazo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10