bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Ezra 2
Ezra 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 3 →
1
Naba ke abantu bephondo lakwaJuda abâkhululwáyo ekuthinjweni kwelaseBhabheli, okuya babethinjwe ngukumkani uNebhukadenezare waseBhabheli. Ke kaloku babuyela eJerusalem nakwaJuda, elowo waya kwidolophu yakowabo.
2
Babekhokelwe nguZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uSeraya, uRelaya, uModekayi, uBhileshan, uMispare, uBhigwayi, uRewum, noBhana. Nalu ke uludwe lwamaSirayeli awabuyayo ndawonye namanani awo:
3
inzala kaParoshe 2 172
4
ekaShefatiya 372
5
eka-Ara 775
6
ekaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 812
7
ekaElam 1 254
8
ekaZatu 945
9
ekaZakayi 760
10
ekaBhani 642
11
ekaBhebhayi 623
12
eka-Azegadi 1 222
13
eka-Adonikam 666
14
ekaBhigwayi 2 056
15
eka-Adin 454
16
eka-Atere ngoHezekiya 98
17
ekaBhezayi 323
18
ekaYora 112
19
ekaHashum 223
20
ekaGibhare 95
21
abantu baseBhetelehem 123
22
abaseNetofa 56
23
abaseAnatoti 128
24
abaseAzemavete 42
25
abaseKiriyati-yarim, eKefira, naseBheroti 743
26
abaseRama naseGebha 621
27
abaseMikimashe 122
28
abaseBhetele naseAyi 223
29
abaseNebho 52
30
abaseMagebhishe 156
31
abenye iElam 1 254
32
abaseHarim 320
33
abaseLodi, iHadide, neOno 725
34
abaseJeriko 345
35
abaseSena 3 630
36
Ababingeleli: inzala kaYedaya ngendlu kaYeshuwa 973
37
ekaImere 1 052
38
ekaPashure 1 247
39
ekaHarim 1 017
40
AbaLevi: inzala kaYeshuwa noKademiyeli ngomlibo kaHodaviya 74
41
Iimvumi: inzala ka-Asafu 128
42
Abalindi-masango endlu kaThixo: inzala kaShalum, uAtere, uTalemon, uAkubhi, uHatita, noShobhayi 139
43
Izicaka zendlu kaThixo: inzala kaZiya, uHasufa, uTabhayoti,
44
uKerose, uSiyaha, uPadon,
45
uLebhana, uHagabha, uAkubhi,
46
uHagabhi, uShalemayi, uHanan,
47
uGidele, uGahare, uRaya,
48
uRezin, uNekoda, uGazam,
49
u-Uza, uPaseya, uBhesayi,
50
uAsna, uMewunim, uNefusim,
51
uBhakebhuki, uHakufa, uHarure,
52
uBhazeluti, uMehida, uHasha,
53
uBhakose, uSisera, uTama,
54
uNeziya, noHatifa
55
Inzala yezicaka zikaSolomon: inzala kaSotayi, uSoferete, uPeruda,
56
uYala, uDakon, uGidele,
57
uShefatiya, uHatili, uPokerete-zebhayim, noAmi
58
Izicaka zendlu kaThixo nenzala yezicaka zikaSolomon 392
59
Aba balandelayo babesuka kwiidolophu zaseTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdan, naseImere; kambe ke ababanga nako ukuluvelisa uludwe lwemilibo yezindlu zabo kwaSirayeli:
60
inzala kaDelaya nekaTobhiya nekaNekoda 652
61
Ke kwinzala yababingeleli: inzala kaHabhaya, uHakozi, noBhazilayi (umfo owayethathe intombi kaBhazilayi umGiliyadi waza wabizwa ngaloo mlibo)
62
Aba ke balukhangela uludwe lwemilibo yezindlu zakomawabo, kodwa ke zange balufumane, ngoko ke zange babandakanywe nobubingeleli, koko bathathwa *njengabanomlaza.
63
Ke umlawuli wayalela ukuba bangatyi mpela kwizinto ezingcwele, kude kubekho umbingeleli obalungiselelayo *ngeeurim neethumim.
64
Bebonke babengamashumi amane anambini amawaka namakhulu amathathu anamashumi amathandathu,
65
ngaphandle kwamawaka asixhenxe anamakhulu mathathu, mashumi mathathu anesixhenxe ezicaka ezingamadoda nezibhinqileyo. Ngokunjalo babeneemvumi ezingamakhulu amabini amadoda nababhinqileyo.
66
Kananjalo babenamahashe angamakhulu asixhenxe mashumi mathathu nesithandathu; iimeyile ezingamakhulu amabini mashumi mane nesihlanu;
67
iinkamela zingamakhulu amane mashumi mathathu nantlanu; iidonki zona zisisithandathu samawaka, amakhulu asixhenxe mashumi mabini.
68
Bakufika endlwini kaNdikhoyo eJerusalem ezinye zeenkulu zezindlu zakhupha umnikelo ngokuqhutywa yintliziyo, ukuze kuhlaziywe indlu kaThixo esizeni sayo.
69
Banikela ngokwamandla abo kuvimba, bagalela igolide ebunzima buziikhilogram ezimakhulu mahlanu, kunye nesiliva ebunzima buziikhilogram ezimawaka mabini namakhulu asibhozo, kunye nekhulu leminweba yababingeleli.
70
Ke kaloku ababingeleli, abaLevi, iimvumi, abalindi-masango, nezicaka zendlu kaThixo, bebonke baya kuma kwiidolophu zakumawabo, ndawonye nabanye abantu. Kananjalo ke nabanye abangamaSirayeli bema ngokweedolophu zakomawabo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10