bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
John 17
John 17
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 18 →
1
Akuba etshilo uYesu, wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, lifikile ngoku ixesha. Mnike iwonga uNyana wakho, aze abubonakalise ubungangamsha bakho.
2
Kaloku umnike igunya eluntwini, ukuze bonke abo umnike bona, abe nako ukubanika obona bomi bungenasiphelo.
3
Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.
4
Ndibubonakalisile ubungangamsha bakho ehlabathini; ndiwufezile umsebenzi ondithume wona.
5
Ndiwonge ke ngoku kunye nawe, Bawo, ngelo wonga ndandinalo ndikunye nawe ihlabathi lingekadalwa nokudalwa.
6
“Ndikwazisile kwabo wandinika bona ubahlula kwabehlabathi. Babengabakho, wabanika mna. Ilizwi lakho libangene.
7
Ke ngoku bayaqonda ukuba yonke into endinayo, ivela kuwe.
8
Ndilugqithisile udaba obundithume lona kubo. Baqonde kakuhle bakholwa ukuba ndivela kuwe, bavuma ukuba ndithunywe nguwe.
9
“Ndithandazela bona ke; andithandazeli abo behlabathi. Kuphela ndithandazela abo undinike bona, kuba bengabakho.
10
Bonke abangabam, bangabakho; yaye bonke abangabakho, bakwangabam. Nditsho ndaduma ke ngenxa yabo.
11
Njengoko ndisiza kuwe sendinjengongasekhoyo ehlabathini. Kambe ke bona basesehlabathini. Bakhusele, Bawo ongcwele, ngegunya legama lakho, elo wandinika lona, ukuze bahlale bebanye njengokuba mna nawe sibanye.
12
Oko bendikunye nabo, bendibakhusela ngegunya legama lakho, elo wandinika lona. Ndabakhusela, akwaduka namnye kubo, ngaphandle komduka lowo, owazalisekisa okuxelwe *kwiziBhalo.
13
Njengokuba sendiza kumka, ndize kuwe, ezi zinto ndizithetha ndisesehlabathini, ukuze baphuphume luvuyo lwam.
14
Ilizwi lakho ndiligqithisele kubo. Ke lona ihlabathi libathiyile, kuba bengengabo abehlabathi, njengokuba nam ndingengowalo ihlabathi.
15
Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.
16
Nanjengokuba mna ndingenguye owehlabathi, nabo abangabo abehlabathi.
17
Benze babe ngabakho ngayo inyaniso. Lilizwi lakho inyaniso.
18
Ndibathume ehlabathini njengokuba nam wandithumayo ehlabathini.
19
Ndizinikela kuwe ngenxa yabo, ukuze nabo babe ngabakho ngenene.
20
“Andithandazeli bona bodwa, koko ndithandazela nâbo baya kundivuma ngenxa yelizwi abaliva ngabo.
21
Nceda benze bonke babe banye. Bawo, mabamanyane nathi, njengokuba wena unto-nye nam, nam ndinto-nye nawe. Mababe yimbumba yamanyama, ukuze likholwe ihlabathi ukuba ndithunywe nguwe.
22
Ndibanikile nabo iwonga owandinika lona, ukuze nabo babe nto-nye, njengokuba nathi sinto-nye.
23
Mandihlale kubo, njengokuba wena uhleli kum, ukuze babe nto-nye ngokupheleleyo, lize ihlabathi liqonde ukuba ndithunywe nguwe, lazi ukuba bona ubathanda njengokuba undithanda mna.
24
“Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.
25
Bawo olilungisa, ihlabathi alikwazi. Mna ndiyakwazi, yaye naba bayaqonda ukuba ndithunywe nguwe.
26
Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.”
← Chapter 16
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 18 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21