bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
John 9
John 9
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
1
UYesu wathi ehamba ngendlela wabona umntu owayezelwe eyimfama.
2
Bambuza ke abafundi bakhe besithi: “Mfundisi, uphi undonakele ukuze azalwe eyimfama nje? Ngaba nguye, okanye ngabazali bakhe?”
3
Waphendula uYesu wathi: “Eyimfama nje, akonanga yena, kungonanga nabazali bakhe. Uzelwe eyimfama ukuze amandla okusebenza kukaThixo abonakaliswe ngaye.
4
Simelwe kukuyenza kusesemini imisebenzi esiyinikwe ngulowo undithumileyo. Ubusuku buyeza, apho kungayi kubakho bani unako ukusebenza.
5
Okweli thuba ndisesehlabathini ndilukhanyiso lwehlabathi.”
6
Akuba etshilo, uYesu watshicela emhlabeni, wenza udaka, wawaqaba ngalo amehlo emfama leyo;
7
waza wathi kuyo: “Hamba uye kuhlamba kwichityana laseSilowa.” (Oko kukuthi “thunyiwe”.) Yahamba ke imfama, yaya kuhlamba, yabuya ibona.
8
Abamelwane nabanye abantu ababeqhele ukumbona loo mntu engqiba, bathi: “Lo mfo asinguye na lowa ebehlala engqiba?”
9
Abanye babesithi nguye, abanye besithi asinguye kodwa ufana naye. Waza umfo lowo wathi: “Ndinguye.”
10
Bambuza ke, bathi: “Avulwe yintoni amehlo akho?”
11
Wathi yena: “Laa mntu kuthiwa nguYesu, wenza udaka, waqaba ngalo amehlo am, wathi mandiye eSilowa, ndihlambe. Ndiyile ke, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
12
Baza bathi: “Uphi loo mntu ngoku?” Ke yena wathi: “Andazi.”
13
Bamthatha ke loo mfo owayeyimfama, bamsa *kubaFarasi;
14
kuba *kwakunguMhla wokuPhumla loo mini uYesu wenza udaka ngayo, wavula amehlo akhe.
15
Ke ngoko abaFarasi bambuza lo mfo okokuba uphiliswe njani ebumfameni bakhe, waza wathi kubo: “Undiqabe amehlo ngodaka, ndahlamba, aza avuleka amehlo am.”
16
Baza abaFarasi abathile bathi: “Loo mntu akanakuba ngowakwaThixo, kuba akawuhloneli uMhla woPhumlo.” Kodwa abanye babesithi: “Ukuba ebengumoni ebenokuthini ukwenza imiqondiso elolu hlobo?” Kwabakho impikiswano ke phakathi kwabo.
17
Ke ngoko abaFarasi baphinda bathi kuloo mntu wayeyimfama: “Wena uthini ngaye, inguwe nje ovulwe amehlo?” Waza wathi: “*Ungumshumayeli.”
18
AmaJuda wona ayengakholwa ukuba wayeyimfama waza wabuya wabona, aza abiza abazali bakhe,
19
abuza esithi: “Ngunyana wenu lo? Ngaba wazalwa eyimfama? Ebona nje ngoku kutheni?”
20
Abazali bakhe baphendula bathi: “Ewe, ngunyana wethu lo. Wavela eyimfama;
21
kodwa asazi ukuba kwenzeke ntoni ebona nje ngoku; nalowo uwavulileyo amehlo akhe asimazi. Buzani kuye; selemdala, unako ukuziphendulela.”
22
Abazali bakhe batsho kuba besoyika amaJuda, kuba wona ayeselevumelene ngokuthi ovumayo ukuba uYesu unguye *uKrestu, uya kusikwa *endlwini yesikhungo.
23
Kungoko ke abazali bakhe batshoyo ukuthi: “Buzani kuye; selemdala.”
24
Ke ngoko amaJuda aphinda ambuza loo mntu wayezelwe eyimfama, athi kuye: “Sikufungisa uThixo ukuba uthethe inyaniso. Thina siyazi okokuba lo mntu ngumoni.”
25
Waphendula wathi: “Ukuba ungumoni, nokuba akanguye, andazi. Ndazi nto-nye kuphela; bendiyimfama, ngoku ke ndiyabona.”
26
Aza athi kuye: “Ukwenze ntoni kanye ukukuvula amehlo?”
27
Wawaphendula wathi: “Sendinixelele nje, naza anaphulaphula; kutheni ukuba nifune ukuva kwakhona? Ngaba nani nifuna ukuba ngabafundi bakhe?”
28
Aza amaJuda amthuka, atsho nokuthi: “Nguwe ongumfundi walaa mfo; thina singabafundi bakaMosis.
29
Siyazi okokuba uMosis wathetha egunyaziswa nguThixo; kodwa yena lo mfo asimazi, singazi nalapho avela khona.”
30
Waphendula wathi: “Simanga! Nina nithi animazi apho avela khona, kanti nguye owavulileyo amehlo am.
31
Kuyaqondakala okokuba uThixo akabeva aboni; kuphela uva abo bamhloneleyo ngokwenza oko akuthandayo.
32
Okoko ladalwayo ihlabathi akuzange kuviwe ngomntu owakha wavula amehlo omntu ozelwe eyimfama.
33
Ukuba lo mntu ebengaveli kuThixo nge-engenako mpela ukwenza into enje.”
34
Amphendula athi: “Singathini ukufundiswa nguwe, ntondini eyazalelwa esonweni!” Waza ke wasikwa *endlwini yesikhungo.
35
UYesu weva okokuba umntu lowo usikiwe. Akumfumana wathi kuye: “Uyakholwa na kuye *uNyana woLuntu?”
36
Waphendula yena wathi: “Ndixelele ukuba ngongubani lowo, Nkosi, ukuze nam ndikholwe kuye.”
37
Wathi kuye uYesu: “Sewumbonile; ngulo uthethayo nawe ngoku.”
38
Waza wathi: “Ndiyakholwa, Nkosi.” Watsho waguqa phambi koYesu.
39
Waza wathi uYesu: “Mna ndize kweli hlabathi ukuze abantu bacaluleke: ukuze iimfama zibone, bathi ababonayo babe ziimfama.”
40
*AbaFarasi abathile ababelapho kunye naye, bamva eyithetha le nto, baza bambuza besithi: “Nathi uthi siziimfama?”
41
Wathi kubo uYesu: “Ukuba benizizo iimfama ngeningenatyala, kodwa ngenxa yokuba nisithi niyabona, nihlala ninalo ityala.”
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21