bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jonah 1
Jonah 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
Ke kaloku ilizwi *likaNdikhoyo lafikela uJona unyana ka-Amitayi, lisithi:
2
“Hamba uye kweso sixekokazi siyiNiniva, usishumayeze, kuba inkohlakalo yaso seyide yaza kufika nakum.”
3
Kambe ke yena uJona wambaleka uNdikhoyo, wasabela eTashishe. Wehla waya eJopa, apho wafumana inqanawa eya eTashishe. Akuba ke eyihlawule imali yendlela, wakhwela wasinga eTashishe, ebaleka uNdikhoyo.
4
Ke kaloku uNdikhoyo wathumela umoyakazi omkhulu apho elwandle; yaba sisaqhwithi esayitsho yasemngciphekweni wokuqhekeka inqanawa leyo.
5
Abaqhubi benqanawa leyo baphakuzela, yangulowo nalowo wakhala *kuthixo wakhe. Umthwalo wenqanawa bawuphungulela elwandle, bezama ukuba ibe khaphukhaphu. Ke yena uJona wayesuke wehla wangena kumagumbi asezantsi, walala obentlombe.
6
Ingqwayi-ngqwayi yenqanawa leyo ke yaya kuye, yafika yathi: “Ngani ukuba ulale, thongorhandini? Vuka, ubize uThixo wakho! Mhlawumbi angasikhumbula, size singatshabalali.”
7
Ke bathi omnye komnye: “Yizani senze *amaqashiso ukuze sibhaqe lo mntu ungunobangela wale ntlekele.” Benjenjalo ke, laza iqashiso laphuma noJona.
8
Baza ke bathi kuJona: “Khawutsho! Ngubani unobangela wale ntlekele? Uzokwenza ntoni apha? Khona, uvela phi? Liphi ikowenu? Ungumni kakade?”
9
UJona waphendula wathi: “Mna ndingumHebhere. Ndinqula uNdikhoyo uThixo wamazulu, lo udale ulwandle kunye nomhlaba.”
10
Ke kaloku loo madoda othuka gqitha, kuba uJona wawachazela ukuba elapho nje ubaleka uNdikhoyo, aza athi kuye: “Yintoni na le uyenzileyo?”
11
Ke lona ulwandle lwaqhubela phambili ukulwa. Baza ke bathi kuJona: “Masenze ntoni ngawe ukuze ulwandle luzole?”
12
UJona waphendula wathi: “Ndifunquleni nindiphose elwandle, ukuze luzole. Kaloku ndiyaqonda ukuba ndim lo unizisele olu qhwithela.”
13
Kambe ke abaqhubi bazama kangangoko ukuyisa elunxwemeni inqanawa leyo. Kodwa ke nelo icebo lafadalala kuba ulwandle lwaya luthatha unyawo ngokulwa.
14
Badanduluka kuNdikhoyo ke bathi: “Awu, Ndikhoyo, uze ungasohlwayi ngenxa yokufa kwale ndoda. Uze ungalibizi kuthi igazi elimsulwa. Kaloku yonke le nto ikholeke kuwe, Ndikhoyo.”
15
Amfunqula ke uJona, amphosa elwandle, lwaza ke ulwandle olulwayo lwadamba.
16
Le nto ke yawatsho amhlonela uNdikhoyo loo madoda, aza amenzela idini, enza nezibhambathiso kuNdikhoyo.
17
Kambe ke uNdikhoyo wayalela intlanzi enkulu, yaza yamginya uJona. Wahlala apho kuyo ke iimini ezintathu nobusuku bazo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4