bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Jonah 2
Jonah 2
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,
2
wathi: “Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo, waza ke yena wandiphendula. Ndakhala ndisemathunjini engcwaba, waza ke wena waliva ilizwi lam.
3
Wena wandiphosa enzonzobileni, phakath' enzulwini yolwandle, yaza ke imisinga yandigubungela, amaza akho alatyuza andisibekela.
4
Ndathatha ndibeka ndisithi: ‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’ Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.
5
Andigubungela phants' andirhaxa amanzi, ndathi zwabhabha enzonzobileni. Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.
6
Ndatshona ndehla mpela, ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba. Ndafika nakwelo lizwe elivalwe mfamlibe ngemivalo. Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam, wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.
7
“Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka, suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo, umthandazo wam wanyukela kuwe, waya kutsho endlwini yakho engcwele.
8
Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto, balahlekana nenceba yakho.
9
Ke mna ndonikela kuwe ngedini, ndihlabele iculo lokukudumisa. Ndosifezekisa isibhambathiso sam. Usindiso lukuNdikhoyo.”
10
Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4