bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Judges 10
Judges 10
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
1
Emva koAbhimeleki amaSirayeli akhululwa nguTola unyana kaPuwa umzukulwana kaDodo. Yena wayengowendlu kaIsakare, emi eShamire kweleentaba kwaEfrayim.
2
Wayeyinkokheli kwaSirayeli iminyaka engamashumi amabini nantathu. Akusweleka wangcwatyelwa eShamire.
3
Emva koTola kwalandela uJayire waseGiliyadi. Wayeyinkokheli kwaSirayeli amashumi amabini anambini eminyaka.
4
Wayenoonyana abangamashumi amathathu, bonke bekhwele iidonki. Babenezixeko ezimashumi mathathu kwelo laseGiliyadi; nangoku ke kusathiwa ziidolophu zikaJayire.
5
UJayire wasweleka, waza wangcwatywa eKamon.
6
Kwakhona amaSirayeli aphinda amona *uNdikhoyo ngokusuka akhonze ooBhali nooAshtarte, ngokunjalo nezithixo zamaSiriya, amaSidon, ezamaMowabhi, ama-Amon, namaFilistiya. Amfulathela, ayeka ukumkhonza uNdikhoyo.
7
Ngoko ke wavutha ngumsindo uNdikhoyo, amaSirayeli wawayekela oyiswa ngamaFilistiya nama-Amon.
8
Yaba yiminyaka esibhozo ezi zizwe ziwatshutshisa ziwacinezela amaSirayeli awayehlala phesheya kweJordan eGiliyadi kwelama-Amori.
9
Ama-Amon ada ayiwela iJordan, ahlasela kwelakwaJuda, kwaBhenjamin, nakwaEfrayim. AmaSirayeli ayekwenkulu inkxwaleko.
10
AmaSirayeli ke ada azibika kuNdikhoyo, athi: “Sikonile; sisuke sakufulathela, wena Thixo wethu, sanqula ooBhali.”
11
UNdikhoyo wawaphendula wenjenje: “Nangaphambili koku amaJiputa, ama-Amori, ama-Amon, amaFilistiya,
12
amaSidon, ama-Amaleki, namaMawoni, anicinezela, naza nazibika kum. Andithi na kanene ndanihlangula kuwo?
13
Nakuba kunjalo naphinda nandishiya, nakhonza thixo bambi; ngoko ke ngoku unakanye ukuba ndiphinde ndinihlangule.
14
Hambani niye kuzibika kwabo thixo nizikhethela bona. Mabanihlangule kaloku nakungena ezingxakini.”
15
AmaSirayeli ke athi kuNdikhoyo: “Siyasivuma isono sethu. Yenza kuthi ngokubona kwakho; kambe ke nceda usihlangule namhlanje.”
16
Asuke ke amaSirayeli abalahla oothixo basemzini, akhonza uNdikhoyo; waza ke yena wahlabeka ngenxa yokubandezeleka kwamaSirayeli.
17
Ke ama-Amon axhobela imfazwe, aza ahlanganisana eGiliyadi. Ke wona amaSirayeli ahlanganisana aza emisa eMizpa.
18
Ke kaloku amadoda amakhulu aseGiliyadi afakana imilomo esithi: “Ngaba ngubani oza kusikhokela silwe nala ma-Amon? Lowo uya kuba yintloko yethu sonke apha eGiliyadi.”
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21