bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Judges 15
Judges 15
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
1
Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uSamson watyelela umkakhe xa kuvunwa ingqolowa. Wahamba eqhuba ibhokhwe. Wafika wathi kumkhwe wakhe: “Ndifuna khe ndiye egumbini lomkam.” Kambe ke yena wala,
2
esithi: “Bendiba akusamfuni mpela, ndaza ke ndamnikela kumhlobo wakho ukuba abe ngumkakhe. Phofu udade wabo omncinci yinzwakazi kunaye; ngoko ke kunganjani useluthatha yena?”
3
Ke uSamson wathi: “Okwesi isihlandlo ndimsulwa kuyo nayiphi na into endiyenza kumaFilistiya!”
4
Ke kaloku wahamba wabamba amakhulu amathathu eempungutye. Wazidibanisa ngemisila ngambini ngambini, ebophelela ukhuni olunevithi apho ekudibaneni kwemisila.
5
Ezo zikhuni wazintumeka ngomlilo, wazikhulula iimpungutye, zabalekela emasimini anengqolowa amaFilistiya. Ngale ndlela ke kwatsha izipha zengqolowa eseyivuniwe ngokunjalo neyayingekavunwa. Yatsha nemiyezo yediliya nomnquma.
6
Athe amaFilistiya akubuzisa esithi: “Ngubani owenze le nto?” afumanisa kusithiwa: “NguSamson; ucatshukiswe ngumkhwe wakhe, umfo waseTimna, ngokusuka anikezele umkakhe kumhlobo wakhe.” Ngoko ke amaFilistiya asuka amtshisa loo mfo nentombi leyo.
7
USamson wathi ke kuwo: “Oo! Niqhuba ngolu hlobo? Inene, ndiza kunithi chu ndide ndiziphindezele!”
8
Wawahlasela, wawabetha wawatshayela. Emva koko waya kuhlala emqolombeni e-Etam.
9
AmaFilistiya axhoba ada aya kumisa kwaJuda, ahlasela iLerhi.
10
Ke amadoda akwaJuda abuza athi: “Kutheni le nto nize kusihlasela?” AmaFilistiya aphendula athi: “Size kubamba uSamson; sifuna ukumvisa le nto asivise yona nathi.”
11
Kwaphuma amawaka amathathu amadoda apho kwaJuda, aya emqolombeni e-Etam, afika athetha noSamson, athi: “Ungathini ukusenza into enje? Akuyazi into yokuba siphantsi kwamaFilistiya?” Ke yena wathi: “Hayi, mna ndiwavise le nto ebendivise yona nawo.”
12
Ke wona athi: “Size kukukhonkxa, ukuze sikuse kumaFilistiya.” USamson wathi: “Fungani ukuba anizi kundilimaza ngokwenu.”
13
Aphendula ke wona athi: “Hayi, nakanye; nto nje sifuna ukukukhonkxa, sikunikezele kuwo.” Ngenene ke amqamangela ngeentsontelo ezimbini ezintsha, abuya naye apho emqolombeni.
14
Uthe ke akufika eLerhi, amaFilistiya eza kuye egxalathelana ekhwaza. Ke kaloku wambeswa amandla nguMoya *kaNdikhoyo, zaza ezo ntsontelo wayebotshwe ngazo iingalo nezandla zaba ngathi ngumsonto ulenywa ngumlilo, zaza zakhululeka nezandla zakhe.
15
Wafumana umhlathi wedonki owomeleleyo, wawuthi hlasi, wabulala iwaka lamadoda ngawo.
16
Wadanduluka ke wathi: “Ngomhlathi wedonki ndawatsho aqungquluza. Ndigeqe iwaka lamadoda ngomhlathi wedonki.”
17
Emva koko ke wawulahla umhlathi lowo, le ndawo yayisenzeka kuyo le nto wathi yiRamati-lerhi.
18
USamson wasuka wanxanwa gqitha, waza wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Mna sicaka sakho olu loyiso ndilufumene ngawe; ngani ke ngoku ukuba ndide ndife lunxano, ndibe sisisulu sezi ntlanga?”
19
Ngoko ke uThixo wavula umngxuma emhlabeni khona apho eLerhi, kwaza ke kwaphuma amanzi. Wasela ke uSamson, abuya amandla akhe, waziva ehlaziyekile. Loo ndawo ke kwathiwa yiEn-hakore. Nangoku ke isekho apho eLerhi.
20
Yaba yiminyaka emashumi mabini uSamson ewakhokela amaSirayeli ngemihla yamaFilistiya.
← Chapter 14
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 16 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21