bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Luke 20
Luke 20
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
1
Kwathi ngenye imini, uYesu efundisa abantu *endlwini kaThixo, eshumayela iindaba ezimnandi, kwafika kuye ababingeleli abaziintloko, nabachazi-mthetho, namadoda amakhulu.
2
Bona bathetha naye besithi: “Khawutsho: ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ingubani kakade okunike elo gunya?”
3
Waphendula ke wathi kubo: “Nam ndiza kunibuza umbuzo ube mnye; ze nindiphendule ke.
4
Ngaba ubhaptizo lukaYohane lwaluvela ezulwini, okanye lwaluvela ebantwini?”
5
Baxoxa bodwa besithi: “Ukuba sithe: ‘Lwaluvela ezulwini,’ wothi: ‘Kwakutheni ke phofu ukuze ningakholwa?’
6
Ukuba sithe: ‘Lwavela ebantwini,’ bonke abantu bosixuluba ngamatye, kuba babemvuma uYohane ukuba *ungumshumayeli.”
7
Baphendula ke ngokuthi àbazi ukuba lwaluvela phi na.
8
Waza wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
9
Ke uYesu wabenzela umzekeliso abantu, wathi: “Umntu othile watyala isidiliya, waqeshisa ngaso kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe ixesha elide.
10
Ngexesha lokuvuthwa kweziqhamo wathuma isicaka kwabo balimi, ukuze bamnike eziqhameni zesidiliya eso. Basuka bona abalimi basibetha eso sicaka, semka singaphathanga nto.
11
Wabuya wathuma esinye isicaka kubo. Basibetha ke naso, badlala ngaso, naso semka singaphathanga nto.
12
Wabuya wathuma nesesithathu. Bathi naso basingxwelerha, basigxotha.
13
Wathi umnini-sidiliya: ‘Ndiya kuyithini na le nto? Mandithume unyana wam endimthandayo. Mhlawumbi bomhlonela yena.’
14
Kodwa bakumbona abalimi, bathi omnye komnye: ‘Yindlalifa le. Masiyibulale, ilifa libe lelethu.’
15
Bamkhuphela ngaphandle kwesidiliya ke unyana lowo, bambulala. “Uya kuthini ke ngoko umnini-sidiliya?
16
Wofika ababulale abo balimi, asinikele kubambi eso sidiliya.” Bakukuva oko, bathi: “Makungabi njalo!”
17
Waza wabakhangela wathi: “Ithetha ntoni ke phofu le ndawo *eziBhalweni ithi: “ ‘Ilitye abâlideláyo abakhi lilo elaba lelona libalulekileyo lesiseko’?
18
“Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.”
19
Baza ke abachazi-mthetho nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kwangelo lixa, kodwa babesoyika abantu, kuba babesazi ukuba uwuthethe esingise kubo lo mzekeliso.
20
Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya.
21
Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo.
22
Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”
23
Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo:
24
“Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?” Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”
25
Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”
26
Zakhohlwa ukumbambisa ngamazwi phambi kwabantu, zaza zathi cwaka, zimangalisiwe yimpendulo yakhe.
27
Kweza abathile *bakubaSadusi kuYesu (bona abo bathi akukho luvuko lwabafileyo), bambuza ke
28
besithi: “Mfundisi, uMosis wasibhalela umthetho esithi: ‘Ukuba ubani uthe wafa, eshiya umfazi engekabi nabantwana, makathi umntakwabo amngene umfazi lowo, baze bamzalele abantwana umfi.’
29
Ke kaloku kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe, yaza inkulu yazeka umfazi, yasweleka ingekabi nabantwana.
30
Wathi ke owesibini wamngena, naye wasweleka engekabi nabantwana.
31
Wenjenjalo nowesithathu. Bada baba naye bosixhenxe, kodwa abashiya mntwana.
32
Emva kwabo bonke wasweleka naye umfazi.
33
Ke ngoko eluvukweni lwabafileyo uya kuba ngumfazi wawuphi na kubo? Kuba kaloku bosixhenxe babemthathile.”
34
Waphendula uYesu, wathi kubo: “Abantu beli phakade bayazeka, besendiswa;
35
kodwa bona abo bafanelwe kukuvuka ekufeni, baphile kwiphakade elizayo, àbazeki, àbendiswa.
36
Bona abasenakufa, kuba bafana nezithunywa zezulu. Bona bangoonyana bakaThixo, kuba kaloku bavukile kwabafileyo.
37
Ke yona into yokuba abafileyo bayavuka, noMosis uyayikhankanya kwisiqendu esithetha ngetyholo elivuthayo encwadini yakhe, apho abiza iNkosi ngokuthi inguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi.
38
AkaThixo wabafileyo ke; unguThixo wabaphilayo, kuba kuye bonke bayaphila.”
39
Baphendula ke abathile bakubachazi-mthetho, bathi: “Ngxatsho ke, Mfundisi; uthethe kakuhle!”
40
Babengasenabuganga ke bakumbuza nento le.
41
Ke uYesu wathi kubo: “Batsho ngani ke ukuthi: ‘*UKrestu ngunyana kaDavide’?
42
Kanti noDavide ngokwakhe kwiNcwadi yeeNdumiso uthi: “ ‘Yathi iNkosi eNkosini yam: Hlala ngakum kweli wonga,
43
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.’
44
“Ukuba uDavide ngokwakhe uthi uKrestu yiNkosi, angathini ke ukuba ngunyana wakhe?”
45
Ke kaloku, besiva bonke abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe:
46
“Balumkeleni abachazi-mthetho, abathanda ukuhamba ngezambatho ezide, bethanda ukuba kukhahlelwe kubo emabaleni embutho, befuna izihlalo eziphambili *ezindlwini zesikhungo, neendawo zamawonga ezidlweni.
47
Abo bayiphangayo imizi yabahlolokazi, baze bazenzise batsho ngemilembelele yemithandazo, ngabo abaya kufumana esona sohlwayo sikhulu.”
← Chapter 19
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 21 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24