bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Luke 21
Luke 21
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
1
Ewaphakamisile amehlo akhe, uYesu ubone izityebi zigalela iminikelo yazo kwisikhongozeli-mali.
2
Ke wabona mhlolokazi uthile ulihlwempu efaka iimalana ezimbini;
3
waza wathi: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke,
4
kuba bonke aba banikele kuThixo bethatha ebutyebini babo, kanti yena, eswele nje, unikele ngako konke abenokuphila ngako.”
5
Ke kaloku, xa abathile babethetha *ngendlu kaThixo, bencoma ukuhonjiswa kwayo ngamatye amahle nangezinto ezinexabiso, uYesu wathi:
6
“Niyazibona zonke ezi zinto? Kuya kufika imihla ekungayi kusala litye phezu kwelitye lingàdilizwa.”
7
Bambuza ke uYesu besithi: “Mfundisi, ziya kubakho nini na ezi zinto? Uya kuba yintoni na umqondiso wokuzalisekiswa kwazo?”
8
Wathi ke yena: “Lumkani ningalahlekiswa, kuba baninzi abaya kuza egameni lam; besithi banguye uKrestu, besithi ixesha lisondele. Ke nina ze ningabalandeli.
9
Xa nithe neva ngeemfazwe neziphithi-phithi, ze ningoyiki, kuba ezo zinto zimelwe kukubakho kuqala. Sona ke isiphelo asiyi kubakho kwangoko.”
10
Waqhuba wathi kubo: “Uhlanga luya kuvukelana nohlanga, nokumkani avukelane nokumkani.
11
Kuya kubakho iinyikima zomhlaba ezinkulu, kwiindawo ngeendawo kubekho indlala nendyikityha yokufa. Kuya kubakho izinto ezoyikekayo, kwanemiqondiso emikhulu evela ezulwini.
12
“Ngaphambi kokuba zonke ezi zinto zenzeke, baya kunibamba, banitshutshise beninikela *ezindlwini zesikhungo nasezintolongweni, nisiwe phambi kookumkani neerhuluneli ngenxa yegama lam.
13
Oko ke kuya kuba lithuba lenu lokungqina.
14
Zimiseleni ukungayicingi kwangaphambili indlela eniya kuziphendulela ngayo,
15
kuba mna ndiya kuninika amazwi obulumko abangayi kuba nako ukubuphikisa nokumelana nabo bonke abachasene nani.
16
Ke kaloku niya kunikelwa nangabazali, nangabantakwenu, nazizizalwane, nazizihlobo, kubekho nababulawayo kuni.
17
Niya kuthiywa ngabantu bonke ngenxa yegama lam.
18
Ke akuyi kutshabalala nonwele olu lwentloko yenu.
19
Nothi ke ngokunyamezela kwenu nibuzuze ubomi benu.”
20
“Xa nithe nayibona iJerusalem irhawulwe yimikhosi, yazini ukuba kusondele ukutshabalala kwayo.
21
Ngelo xesha mabathi abakwelakwaJuda babalekele ezintabeni, bathi abo bangaphakathi kwayo iJerusalem baphume bemke. Ke abo basemaphandleni mabangangeni eJerusalem.
22
Yoba yimihla yempindezelo leyo, ukuze kuzaliseke konke okubhalwe *eziBhalweni.
23
Hayi ke abanzima nabanyisayo ngaloo mihla! Kuya kubakho imbandezelo enkulu elizweni, ingqumbo kaThixo ibe phezu kwaba bantu.
24
Baya kubulawa ngekrele, bathinjwe, basiwe kuzo zonke iintlanga. IJerusalem iya kutshatyalaliswa ziintlanga de liphele ixesha lazo.”
25
“Kuya kubakho imiqondiso elangeni nasenyangeni nasezinkwenkwezini; emhlabeni kubekho iintlanga ezicinezelekileyo, zididekile kukugquma kolwandle namaza.
26
Abantu boba besifa luloyiko, bexhalabele izinto ezilifikelayo ihlabathi, kuba konke okunamandla esibhakabhakeni kodunga-dungeka.
27
Baya kumbona ke *uNyana woLuntu esiza ngelifu, enamandla nobuqaqawuli obukhulu.
28
Ke kaloku zakuqala ukubakho ezi zinto, yimani nkqo, niphakamise iintloko zenu, kuba isondele inkululeko yenu.”
29
Wabenzela umzekeliso uYesu, esithi: “Khangelani umkhiwane nayo yonke imithi.
30
Xa seyivelisa amagqabi, nithi nakukubona oko, nazi ukuba ihlobo lithwasile.
31
Kwangokunjalo nani, xa nithe nazibona ezi zinto zisenzeka, yazini ukuba ulawulo lukaThixo lusemnyango.
32
“Ndithi kuni, inene, asiyi kudlula esi sizukulwana zingadanga zenzeke zonke ezi zinto.
33
Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.”
34
“Zilumkeleni ke, hleze iintliziyo zenu zenziwe buthuntu buburhovu, nakukunxila, nangamaxhala obu bomi, ize loo mini inifikele ngebhaqo;
35
kuba iya kubafikela ngokomgibe bonke abahleliyo phezu kwehlabathi lonke.
36
Ke ngoko phaphamani maxa onke, nikhunga, ukuze nibe namandla okuziphepha zonke ezi zinto ziza kwenzeka, nize nibe nokuma phambi *koNyana woLuntu.”
37
Ke kaloku emini uYesu ebefundisa *endlwini kaThixo, athi ngokuhlwa aye kulala eNtabeni yemiNquma.
38
Kwakusasa bonke abantu babesiza kumphulaphula endlwini kaThixo.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24