bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Romans 12
Romans 12
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
1
Ndiyanikhuthaza ngoko, mawethu, ngenxa yenceba kaThixo, ukuba nizinikele nina ziqu nibe lidini eliphilayo, elingcwele, elikholekileyo kuThixo. Leyo ke yindlela yenu efanelekileyo yokukhonza uThixo ngengqiqo.
2
Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.
3
Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.
4
Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye,
5
ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye.
6
Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo.
7
Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako.
8
Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.
9
Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
10
Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.
11
Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
12
Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
13
Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.
14
Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
15
Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo.
16
Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
17
Musani ukubuyekeza ububi ngobubi. Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.
18
Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.
19
Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko *iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”
20
Kaloku iziBhalo zikwatsho nokuthi: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe into etyiwayo; ukuba lunxaniwe, luphe into eselwayo; kuba ngokwenjenjalo ke, woba uluvisa udano, khon' ukuze luguquke.”
21
Musa ukoyiswa bububi; boyise ububi ngokulungisa.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16