bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Romans 6
Romans 6
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
1
Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande?
2
Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?
3
Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?
4
Ngokunjalo ngokubhaptizwa sangcwatywa kunye noKrestu. Njengokuba ke uKrestu wavuswayo kwabafileyo ngamandla obungangamsha bukaYise, nathi ngokunjalo masiphile ubomi obutsha.
5
Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni.
6
Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.
7
Kaloku umntu ofileyo ukhululekile esonweni.
8
Ukuba ke safa kunye noKrestu, siyakholwa ukuba sodla ubomi kwakunye naye.
9
Siyazi ke ukuba uKrestu evusiwe nje kwabafileyo, akayi kuba safa – ukufa akusayi kuba nagunya kuye.
10
Kuba wafa kwakanye, efela isono; kodwa ngoku udla ubomi, ephilela uThixo.
11
Ngokunjalo nani zibaleleni ekubeni ningabafileyo okunene kuso isono, niphilela uThixo ngobomi enibudlayo, nimanywe noKrestu Yesu, iNkosi yethu.
12
Ngoko ke isono masingayilawuli imizimba yenu efayo. Sanukuzivumela iinkanuko zemizimba yenu.
13
Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
14
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.
15
Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!
16
Kakade niyazi ukuba lowo nizinikela kuye ukuba anilawule, ngokwenyani niyamkhonza, nimthobele. Abalawulwa sisono ke baba sisisulu sokufa, kodwa abamthobeleyo uThixo ubenza amalungisa.
17
Ke kaloku, makubulelwe kuThixo, kuba nanifudula nilawulwa sisono, kodwa ngoku niyithobela ngokupheleleyo imfundiso eniyifundisiweyo.
18
Nakhululwa ke kuso isono, naba phantsi kobulungisa.
19
Ngenxa yobuthathaka bemvelo yenu mandingantsonkothi. Njengoko nanizinikele ngokupheleleyo ukuba nenze ukungcola nokwaphula umthetho, nize nichasane nomthetho; ngokunjalo ke nangoku zinikeleni ngokupheleleyo ukuze nenze okulungileyo, khon' ukuze nahluke.
20
Okuya nanilawulwa sisono naningekho phantsi kobulungisa.
21
Ke, benizuza ntoni ngaloo nto? Andithi izinto enanizizuza zezi nineentloni ngazo ngoku, ezi zikhokelela ekufeni?
22
Ngoku ke, nikhululwe nje esonweni, naba ngabakaThixo, ninaso isiqhamo esibubungcwele. Le nto ke ikhokelela ebomini obungunaphakade.
23
Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16