bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 John 1
1 John 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
1
Le nto yayikho kwasekuqalekeni, esakuvayo, esiyibonileyo ngamehlo ethu, esayibonayo, zaza izandla zethu zayiphatha, ngelizwi lobomi;
2
Kuba obo bomi babonakaliswayo, nathi sabubona, siyangqina, siyanibonisa, obo bomi bungunaphakade, bona bube bunaye uYise, babonakaliswa kuthi;
3
Oko ke sikubonileyo, sikuvileyo, siyakuxela kuni, ukuze nani nibe nobudlelane nathi. Baye ke ubudlelane bethu bunaye uYise, bunaye uNyana wakhe uYesu Kristu.
4
Ezi zinto sinibhalela ukuze uvuyo lwenu luzaliseke.
5
Lulo olu ke udaba esiluvileyo kuye, esinityela lona, lokuba uThixo ukukukhanya, akukho bumnyama kuye nakanye.
6
Ukuba sithi sinobudlelane naye, sibe sihamba ebumnyameni, soba siyaxoka, asiyenzi inyaniso;
7
ke, ukuba sihamba ekukhanyeni, njengokuba yena esekukhanyeni, soba sinobudlelane omnye nomnye, lithi negazi likaYesu Kristu, uNyana wakhe, lisihlambulule kuso sonke isono.
8
Ukuba sithi asinasono, siyazikhohlisa, inyaniso ayikho kuthi.
9
Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.
10
Ukuba sithi asonanga, simenza ixoki; ilizwi lakhe alikho kuthi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5