bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 John 5
1 John 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
Bonke abakholwayo ukuba uYesu unguye uKristu, bazelwe nguThixo; bonke abamthandayo lowo wazalayo, bayamthanda nalowo uzelweyo nguye.
2
Sazi ngale nto ukuba siyabathanda abantwana bakaThixo, xa sukuba simthanda uThixo, siyigcina imithetho yakhe.
3
Kuba ukumthanda uThixo kuko ukuthi, siyigcine imithetho yakhe; ayinzima ke imithetho yakhe.
4
Ngokuba yonke into ezelwe nguThixo iyaleyisa ihlabathi; lulo ke olu uloyiso oluleyisayo ihlabathi, ukholo lwethu.
5
Ngubani na lowo uleyisayo ihlabathi, ingenguye okholwayo ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo?
6
Lo ngulowo wezayo ngamanzi negazi, uYesu Kristu; kungengamanzi odwa, kungengamanzi negazi. uMoya ke ungqinayo, ngokuba uMoya uyinyaniso.
7
Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazulwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.
8
Kaloku kukho amangqina amathathu ehlabathini, uMoya, namanzi, negazi. Aba bathathu bavumelana nto-nye.
9
Ukuba ubungqina babantu siyabamkela, ubungqina bukaThixo bungaphezulu; ngokuba bubo obu ubungqina bukaThixo, angqinele uNyana wakhe ngabo.
10
Lowo ukholwayo kuNyana kaThixo unabo ubungqina ngaphakathi kwakhe; ngokuba engakholwanga bubungqina abungqinele uThixo ngoNyana wakhe.
11
Bubo obu ke ubungqina: ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe.
12
Lowo unaye uNyana, unabo ubomi; lowo ungenaye uNyana kaThixo, akanabo ubomi.
13
Ndinibhalele ezi zinto, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo; ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade, nokuze nikholwe kwigama loNyana kaThixo.
14
Kuko oku ukungafihlisi esinako kuye: ukuba sithi sicele into ngokokuthanda kwakhe, uyasiva;
15
Ukuba siyazi ukuba uyasiva esisukuba sikucela, siyazi ukuba sinazo izinto ezicelwayo, esizicelileyo kuye.
16
Ukuba umntu uthe wambona umzalwana wakhe esona isono esingasingisi kufeni, wocela, uThixo amnike ubomi, enika abo bonayo ngokungasingisi kufeni. Kukho isono esisingisa ekufeni; anditsho ukuba makasithandazele.
17
Konke ukungalungisi kusisono; kukho isono esingasingisi kufeni.
18
Siyazi ukuba bonke abazelwe nguThixo aboni; kodwa lowo uzelweyo nguThixo uyazigcina, aze ongendawo angamchukumisi.
19
Siyazi ukuba singabakaThixo, nokuba ihlabathi liphela lilele kongendawo.
20
Siyazi ke ukuba uNyana kaThixo ufikile, wasinika ingqondo, ukuze simazi oyinyaniso. Sikuye ke oyinyaniso, kuye uNyana wakhe uYesu Krestu. Nguye lo uThixo oyinyaniso, nobomi obungunaphakade.
21
Bantwanana, zigcineni kuzo izithixo. Amen.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5