bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Thessalonians 3
1 Thessalonians 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
1
Kungoko kwathi, singasenakuzibamba, kwakholeka kuthi ukuba sisale eAtene sedwa.
2
Sithume uTimoti, umzalwana wethu, umlungiseleli kaThixo, ongugxa wethu kwiindaba ezilungileyo zikaKristu, ukuze anizimase, anithuthuzele ngenxa yokholo lwenu;
3
ukuze kungabikho namnye ushukunyiswayo zezi mbandezelo, kuba nisazi ngokwenu ukuba simiselwe zona.
4
Kuba xenikweni besikuni, sanixelela ngenxa engaphambili ukuba siza kubandezelwa; njengokuba kwaba njalo, nani niyazi.
5
Ngenxa yoko ke ndingasenakuzibamba, ndathumela ukuba ndilwazi ukholo lwenu, hleze abe unihendile uMhendi, saba sifumane sabulaleka.
6
Ke kaloku, ngoku uTimoti, akufika evela kuni, weza kuthi, wasishumayeza iindaba ezilungileyo zokholo nothando lwenu;
7
Sithuthuzelekile ngoko, bazalwana, ngani, kuyo yonke imbandezelo nembandezelo yethu, ngalo ukholo lwenu;
8
Kuba ngoku siphilile, ukuba nina nithi nime eNkosini.
9
Kuba singambuyekeza ngambulelo mni na uThixo ngani, kulo lonke uvuyo esivuya ngalo ngenxa yenu phambi koThixo wethu?
10
Ubusuku nemini sikhunga ngokugqithiseleyo kakhulu, ukuba sibubone ubuso benu, sikuzalise ukusilela kokholo lwenu?
11
Wanga ke uThixo ngokwakhe, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, angayilungisa indlela yethu yokuza kuni.
12
Yanga ke iNkosi inganandisa, niphuphume eluthandweni, omnye komnye nakubo bonke, kwanjengokuba sisenjenjalo kuni;
13
ukuze izizimase iintliziyo zenu, zingabi nakusoleka, zibe ngcwele phambi koThixo uBawo wethu, ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu nabo bonke abangcwele bayo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5