bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
1 Thessalonians 5
1 Thessalonians 5
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele;
2
kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo.
3
Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba; oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kusinda.
4
Ke nina, bazalwana, ànisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.
5
Nina nonke ningoonyana bokukhanya, ningabantwana bemini; asingabobusuku, asingabobumnyama.
6
Ngoko masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu.
7
Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku.
8
Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando; nesigcina-ntloko esilithemba losindiso.
9
Kuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu;
10
owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye.
11
Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo.
12
Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo,
13
nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ngoxolo phakathi kwenu.
14
Siyanicela ke, bazalwana, bakhalimeleni abanxaxhayo, bathuthuzeleni abathambileyo;
15
Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke.
16
Vuyani amaxesha onke;
17
Thandazani ningaphezi;
18
Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.
19
Musani ukuwucima uMoya;
20
Iziprofeto musani ukuzenza into engento.
21
Zicikideni zonke izinto; nibambe leyo intle.
22
Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.
23
Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu.
24
Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko.
25
Mawethu, sithandazeleni.
26
Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele.
27
Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele.
28
Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nani. Amen. (Incwadi yokuqala eya kwabaseTesalonika yabhalwa eAtene.)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5