bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
James 1
James 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
1
uYakobi, umkhonzi kaThixo neNkosi uYesu Kristu, ubhalela izizwe ezilishumi elinazibini eziziintsali, ebulisa.
2
Kugqaleni kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa niwela kwizilingo ngezilingo;
3
nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.
4
Umonde ke mawube nomsebenzi ozalisekileyo, ukuze nibe ngabazalisekileyo, abagqibeleleyo, ningaswele nto.
5
Ukuba ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi; kwaye uya kuyinikwa.
6
Makacele ekholwa, engathandabuzi; Kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.
7
Kuba loo mntu makangabi uya kwamkela nto kuyo iNkosi.
8
Indoda emphefumlo umbaxa iyahlozinga kuzo zonke iindlela zayo.
9
Ke umzalwana othobekileyo makaqhayise ngako ukuphakama kwakhe;
10
osisityebi ke makaqhayise ngako ukuthobeka kwakhe; ngokuba uya kudlula njengentyantyambo yengca.
11
Kuba lithi lakuphuma ilanga, kunye nolophu, liyitshise ingca, ize ke intyantyambo yayo ivuthuluke, buthi nobuhle bembonakalo yayo butshabalale; siya kwenjenjalo nesityebi ukungcumbeka eluhambeni lwaso.
12
Inoyolo indoda ekunyamezelayo ukulingwa; ngokuba yothi, yakuba icikidekile, isamkele isithsaba sobomi, ebabeke ngedinga iNkosi abo bayithandayo.
13
Makungabikho namnye utshoyo akuhendwa ukuthi, Ndihendwa kwaThixo;
14
Elowo ke uhendwa akutsalwa, abanjiswe, yeyakhe inkanuko.
15
Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; isono, xa sithe safezwa, sivelisa ukufa.
16
Musani ukulahlekiswa, bazalwana bam baziintanda.
17
Sonke isipho esilungileyo, naso sonke isipho esigqibeleleyo, sesaphezulu; sihla sivela kuye uYise wezikhanyiso, ongenabuyambo nasithunzi sakujika.
18
Uthandile, wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuze sibe yintlahlela yazo izidalwa zakhe.
19
Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba;
20
Kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.
21
Kungoko endithi, nibubekile nxamnye bonke ubunyhukunyhuku nokuphuphuma ulunya, namkele ninobulali ilizwi elimiselweyo kuni, elinako ukuyisindisa imiphefumlo yenu.
22
Yibani ke ngabenzi belizwi, ningabi ngabaphulaphuli kodwa, nizikhohlisa.
23
Kuba umntu, ukuba ungumphulaphuli nje welizwi, engemenzi walo, lowo ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini;
24
kuba iyaziqiqa, imke, ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.
25
Ke yena oqondela emthethweni ogqibeleleyo wayo inkululeko, ahlale ehleli kuwo, ethe nje akaba ngumphulaphuli olibalayo, esuke waba ngumenzi womsebenzi: yena uya kuba noyolo ekwenzeni kwakhe.
26
Ukuba ubani kuni uba ungonqulayo, abe engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, elukuhla intliziyo yakhe, unqulo lwalowo alunto yanto.
27
Unqulo lona oluhlambulukileyo, olu ngadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni, yabo: kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5