bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
James 4
James 4
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziphumi na apha ezinkanukweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu?
2
Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakuzuza nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.
3
Niyacela, ningamkeli noko, ngenxa enokuba nicela kakubi, ukuze oko nikuchithele iziyolo zenu.
4
Bakrexezindini, bakrexezikazindini, anazi na ukuba ubuhlobo balo ihlabathi bubutshaba kuye uThixo? Othe ngoko angaba sisihlobo salo ihlabathi, utshaba lukaThixo.
5
Ngaba isibhalo sifumana sithetha ukuthi: “Umoya ohleli ngaphakathi kwethu ukhweletisa?
6
Ke ubabala kakhulu ngakumbi. Kungoko athi, uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale abazithobileyo.
7
Mthobeleni ngoko uThixo. Mchaseni ke uMtyholi, wonibaleka.
8
Sondelani kuye uThixo, wosondela kuni. Hlambululani izandla, boni; nenze nyulu iintliziyo zenu, nina bamphefumlo umbaxa.
9
Yibani ziindwayi, nikhedame, nilile; ukuhleka kwenu makujike kube kukukhedama, novuyo lwenu lube kukuthi dakumba.
10
Zithobeni emehlweni eNkosi, yoniphakamisa.
11
Musani ukuthetha okubi omnye ngomnye, bazalwana. Lowo uthetha kakubi ngomzalwana wakhe, amgwebe umzalwana wakhe, uthetha okubi ngomthetho, egweba umthetho; kodwa ukuba uyawugweba umthetho, akumenzi wamthetho, ungumgwebi.
12
Mnye uMmisi-mthetho, lowo unako ukusindisa nokutshabalalisa; ungubani na wena, umgwebayo omnye?
13
Wenani kaloku, nina nitshoyo ukuthi, Namhla, nokuba kungomso, siya kuya kulaa mzi, senze khona umnyaka ube mnye, sirhwebe, sizuze;
14
Kaloku ningayazi nje into eya kwenzeka ngomso. Kuba buyintoni na ubomi bakho? Kungumphunga obonakala ixesha elifutshane, uze ke uthi shwaka.
15
Kungoko ningathi, Ukuba iNkosi ithe yathanda, saphila, siya kwenza le, nalaa nto.
16
Ngoku ke niqhayisa ngokuqhankqalaza kwenu; konke ukuqhayisa okunjalo kubi.
17
Ngoko ke lowo ukwaziyo ukwenza okulungileyo angakwenzi, kusisono kuye.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5