bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Philippians 1
Philippians 1
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
uPawulos noTimoti, abakhonzi bakaYesu Kristu, babhalela bonke abangcwele abakuKristu Yesu, abaseFilipi, ndawonye nabaveleli nabalungiseleli;
2
Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3
Ndiyambulela uThixo wam xa ndinikhumbula.
4
Ekukhungeni kwam konke ndikhunga ngenxa yenu nonke, ndivuyiswa;
5
Ngenxa yobudlelane benu obubhekisele kuzo iindaba ezilungileyo, kususela kwimini yokuqala kude kube ngoku;
6
ndikholose ngayo le nto, yokuba lowo wawuqalayo ngaphakathi kwenu umsebenzi olungileyo, wowufeza, ide ibe yiloo mini kaYesu Kristu;
7
njengokuba kufanelekile ukuba ndicinge oku ngani nonke, ngokuba nikum entliziyweni; nithe, nasezintanjeni zam, nasekuziphenduleleni kwam, nasekuziqiniseni kwam iindaba ezilungileyo, naba ngamadlelana nam ngobabalo olu, nina nonke.
8
Kaloku uThixo ulingqina lam lokuba kukhulu ukunilangazelela kwam nonke, ndineemfesane zikaYesu Kristu.
9
Ndithandazela ke oku, ukuba uthando lwenu luphuphume ngakumbi nangakumbi ekwazini nasekucingeni konke,
10
ukuze nizicikide izinto eziziincamisa; ukuze nibe msulwa, ningabi nasiphako, ide ibe yiloo mini kaKristu;
11
nizele ziziqhamo zobulungisa ezingoYesu Kristu, nikhangelise ekuzukiseni nasekudumiseni uThixo.
12
Ke kaloku ndinga ningàzi, bazalwana, ukuba izinto ezindihleleyo, zibethe kwakukhona zihambayo iindaba ezilungileyo;
13
ngokokude iintambo zam ezi zibonakale kuyo yonke indlu yomkhosi nakwabanye bonke, ukuba ndikuKristu;
14
baze abona bazalwana baninzi bathi, beseNkosini, bekholose ngeentambo zam ezi, babe kukhona benobuganga bokulithetha ilizwi, bengenakoyika.
15
Okunene abathile bamvakalisa uKristu ngomona neenkani; ukanti ke inxenye ikholwa;
16
Abanye bamvakalisa uKristu ngeyelenqe, benganyanisekanga, beba baya kongezelela imbandezelo kwiintambo zam;
17
ke aba, benziwa luthando, bamazisa wKristu besazi ukuba ndimiselwe ukuziphendulela iindaba ezilungileyo.
18
Kuthiweni na ngoko? Noko kunjalo, ngeendlela zonke, nokuba kungokunyhwalaza, nokuba kungenyaniso, kwaziswa uKristu. Ndiyavuya kuko oko, ndaye ndisaya kuvuya.
19
Kuba ndiyazi ukuba oku kuya kuphumelela elusindisweni lwam ngako ukundithandazela, nangoncedo loMoya kaYesu Kristu;
20
kuye ngokulangazelela nangokuthemba kwam, ukuba andiyi kudaniswa nganto; uya kusuka ngako konke ukungafihlisi, njengokwamaxesha onke, athi nangoku enziwe mkhulu uKristu emzimbeni wam, nokuba na kungobomi, nokuba kungokufa.
21
Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.
22
Ke ukuba ukudla ubomi ndisenyameni kusisiqhamo somsebenzi kum oko, into ke endonyula yona andiyazi.
23
Kuba ndixinekile phakathi kwezinto ezimbini; ndinawo umnqweno wokunga ndinganduluka, ndiye kuba noKristu; eyona nto ingcono kakhulu:
24
Kodwa ukuhlala ndihleli ndisenyameni yeyona nto ifunekayo ngenxa yenu.
25
Kananjalo, ndikholose ngoko nje, ndiyazi ukuba ndiya kuhlala ndihlale, ndihleli nani nonke, ukuze nihambele phambili, nivuyiswe lukholo;
26
ukuze iqhayiya lenu kuKristu Yesu ngam liye lisanda ngokwanda, ngako ukubuya ndibekho kuni.
27
Kuphela nje ihambo yenu mayibe njengokufanele ukuzishumayela iindaba ezilungileyo zikaKristu; ukuze, nokuba ndithe ndeza kunibona, nokuba ndingekhoyo, ndive iindaba zenu, ukuba nimi moyeni mnye, nicinga nto-nye, nizama ukholo lwenu, ivangeli;
28
Into ke leyo engumbonakalaliso wentshabalalo okunene kubo, kodwa ingumbonakalaliso wosindiso kuni, kube ke oko kuvela kuThixo.
29
Kaloku naninikwe igunya ngenxa kaKrestu, ukuze ninganeli kukholwa kuye kuphela, koko nive ubunzima ngenxa yakhe,
30
ninawo umzamo onjengalowo nawubonayo kum, nangoku niwuvayo ukuba ukho kum.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4