bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
/
Philippians 3
Philippians 3
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
Elokugqiba, bazalwana bam, vuyani niseNkosini. Ukunibhalela kwaezo zinto akunqenekile okunene kum, ke nina kuyaninqabisa.
2
Zilumkeleni izinja, balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni abo basika.
3
Kuba abolwaluko sithi, thina bakhonza uThixo ngomoya, siqhayise ngoKristu Yesu, singakholosi ngenyama;
4
nakuba mna ndibe ndingakholosayo ngenyama; Ukuba kukho bani uba unokukholosa ngenyama, bendingaba ngakumbi mna.
5
Ndaluswa ngomhla wesibhozo, ndingowembewu kaSirayeli, ndingowesizwe sikaBhenjamin, ndingumHebhere wamaHebhere; ngokomthetho ndingumFarisi;
6
ngokwenzondelelo ndilitshutshisa ibandla; ngobulungisa obo basemthethweni ndingongenakusoleka.
7
Ndisuke, zona ezo zinto zabe ziyinzuzo kum, zona ezo ndazibalela ekuthini ziyinkxwaleko ngenxa kaKristu.
8
Ewe, okunene, ndisuka izinto zonke ndizibalele ekuthini ziyinkxwaleko, ngenxa yokongama kokumazi uKristu Yesu iNkosi yam;
9
ndifunyanwe kuye, ndingenabo obam ubulungisa, bona obuphuma emthethweni;
10
ukuze ndimazi, kwanamandla ovuko lwakhe, nobudlelane naye ngeentlungu zakhe, ndifaniswe nokufa kwakhe;
11
ukuba ndingade ndifikelele ekuvukeni kwabafileyo.
12
Kungekuko ukuthi sendamkele, nokuthi sendigqibelele;
13
Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kwezingaphambili;
14
Ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.
15
Masithi ngoko, ngangoko singako thina bagqibeleleyo, sicinge oko; kanjalo ukuba nicinga into ngokukumbi, uThixo wonityhilela naleyo.
16
Noko ke, apho sifikelele khona, masihambe ngamgca mnye, masicinge nto-nye.
17
Yibani ngabaxelisa mna, bazalwana, nixunele kubo abahamba ngokunjalo, njengokuba ninomfuziselo, thina aba ke.
18
Kuba baninzi abahambayo, endathetha futhi kuni ngabo, ngoku ke ndithetha ndilila nokulila, ndisithi, bazizo iintshaba zomnqamlezo kaKristu;
19
Abasiphelo siyintshabalalo, abaThixo usisisu sabo, abaluzuko lulihlazo labo, abanyamekela izinto zomhlaba.
20
Kaloku thina ngokwethu sisemazulwini; apho kananjalo silinde khona uMsindisi, iNkosi uYesu Kristu;
21
eya kuwenza kumila kumbi umzimba wokuthobeka kwethu, ukuze wona wenziwe ufane nawo umzimba wozuko lwakhe, ngokokusebenza kwalowo unako ukuzithobela phantsi kwakhe zonke izinto.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4