bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ecclesiastes 1
Ecclesiastes 1
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
1
Amazwi eNtshumayeli, unyana kaDavide, ukumkani waseYerusalem.
2
Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge.
3
Unalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?
4
Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
5
Ilanga liyaphuma, ilanga libuya litshone, liphikele endaweni yalo apho liphuma khona.
6
Umoya uya ezantsi, ujikeleze usinge entla, uhamba ujikajikeleza, ubuye ubuya umoya ekujikelezeni kwawo.
7
Yonke imilambo iya elwandle, ukanti ulwandle aluzali;endaweni eya kuyo imilambo, ibuya iye kwakhona.
8
Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha;alihluthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.
9
Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekayo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
10
Ukuba kukho into ekuthiwa, Yabona, le intsha! ibiselikho kade, emaphakadeni abekho ngaphambi kwethu.
11
Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.
12
Mna, Ntshumayeli, ndibe ndingukumkani kwaSirayeli eYerusalem.
13
Intliziyo yam ndayinikela ukuba ingxoke, isingasinge ngobulumko, yonke into eyenzekayo phantsi kwezulu; ngumzamo ombi uThixo awunike oonyana babantu, ukuba bawuzame.
14
Ndazikhangela zonke izenzo ezenzekayo phantsi kwelanga;yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.
15
Into egoso ayinakolulwa; into engekhoyo ayinakubalwa.
16
Ndathetha mna nentliziyo yam, ndisithi, Yabona, mna ndikhulise ndandisa ubulumko, ngaphezu kwabo bonke ababephethe iYerusalem phambi kwam; nentliziyo yam ibone kakhulu ubulumko nokwazi.
17
Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.
18
Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12