bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Ecclesiastes 8
Ecclesiastes 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
1
Ngubani na onjengesilumko esi? Ngubani na okwaziyo ukuconjululwa kwendawo? Ubulumko bomntu bukhanyisa ubuso bakhe, buguqulwe ubungwanyalala bobuso bakhe.
2
Mna ndithi, Umthetho wokumkani wugcine, ngenxa yesifungo sikaThixo.
3
Musa ukukungxamela ukumka ebusweni bakhe; ungangeni kwiyelenqe; ngokuba into yonke ayinanzileyo uyayenza.
4
Ekubeni ilizwi lokumkani linegunya, ngubani na onokuthi kuye, Wenza ntoni na?
5
Ogcina umthetho akazi nto imbi; intliziyo yesilumko iyalazi ixesha nesi gwebo;
6
ngokuba yonke imicimbi inexesha nesigwebo; ngokuba ububi bomntu buba buninzi phezu kwakhe;
7
ngokuba engayazi into eya kubakho. Ngokuba ngubani na onokumxelela njengoko kuya kuba njalo?
8
Akukho mntu unokuwugunyazela umoya, awuthintele umoya;akukho unokuyigunyazela imini yokufa; akukho kukhululeka kuloo mfazwe; okungendawo akunakubasiza abaniniko.
9
Le nto yonke ndiyibonile, ndayinikela intliziyo yam kwizenzo zonke ezenziwayo phantsi kwelanga, ngexesha athi umntu agunyazele umntu, kube kubi kuye.
10
Ekubeni kunjalo, ndibone abangendawo bengcwatywa, begoduka;besithi endaweni engcwele bemke abo benze okulungileyo, balityalwe kuloo mzi.
11
Kwanaloo nto ingamampunge. Ekubeni isigwebo singawiswa kamsinyane emsebenzini ombi, ngenxa yoko intliziyo yoonyana babantu izele ngaphakathi kwabo kukwenza okubi.
12
Nakubeni umoni esenza okubi izihlandlo ezilikhulu, ayolule imihla yakhe, noko ndiyazi ukuba kuya kulunga kwabamoyikayo uThixo, kwaboyikayo ebusweni bakhe;
13
kungalungi kongendawo, angayoluli imihla yakhe, njengethunzi; ekubeni engoyiki ebusweni bukaThixo.
14
Kukho amampunge enzekayo ehlabathini: ukuba kukho amalungisa ahlelwa ngokokwenza kwabangendawo; kukho nabangendawo abahlelwa ngokokwenza kwamalungisa; ndathi, kwanaloo nto ingamampunge.
15
Ndaluncoma ke mna uvuyo, ngokuba kungekho nto imlungeleyo umntu phantsi kwelanga, ngaphezu kokuba adle, asele, avuye; loo nto ithane mbende naye emigudwini yakhe, ngemihla yobomi bakhe amnikayo uThixo phantsi kwelanga.
16
Xeshikweni ndayinikelayo intliziyo yam ukuba ndibazi ubulumko, ndiwubone umzamo owenzekayo ehlabathini (ngokuba nasemini nasebusuku ababoni buthongo ngamehlo abo),
17
ndasibona ke sonke isenzo sikaThixo, ukuba akanako umntu ukusifumana isenzo eso senzekayo phantsi kwelanga; nakubeni umntu esaphuka ukusifuna, akasifumani. Nokuba sithe isilumko safuna ukwazi, asinakufumana.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12