bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Joshua 11
Joshua 11
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
1
Kwathi, akukuva oko uYabhin ukumkani waseHatsore, wathuma kuYobhabhi ukumkani waseMadon, nakukumkani waseShimron, nakukumkani waseAkeshafi,
2
nakookumkani abangasentla ezintabeni, naseArabha ngasezantsi kweKineroti, nasezihlanjeni, nasezindulini zaseDore engasentshonalanga,
3
kumaKanan empumalanga nasentshonalanga, nakuma-Amori, nakumaHeti, nakumaPerizi, nakumaYebhusi ezintabeni, nakumaHivi aphantsi kweHermon ezweni leMizpa.
4
Baphuma ke bona benemikhosi yabo yonke, abantu abaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi, namahashe, neenqwelo zokulwa, into eninzi kunene.
5
Bavumelana ke abo kumkani bonke; beza bamisa ndawonye emanzini aseMerom, ukuba balwe namaSirayeli.
6
Wathi uYehova kuYoshuwa, Musa ukoyika ngenxa yabo; ngokuba ngomso eli xa ndiya kubanikela bonke bephela, behlatyiwe, emandleni amaSirayeli, uwanqumle imisipha amahashe abo, uzitshise ngomlilo iinqwelo zabo zokulwa.
7
Waya ke uYoshuwa, enabantu bonke bokulwa, wabafikela ngebhaqo emanzini aseMerom, babawela.
8
UYehova wabanikela esandleni samaSirayeli, ababulala, abasukela kwesa eTsidon enkulu, kwesa eMiserefoti-mayim, kwesa ethafeni laseMizpa empumalanga; ababulala kwada akwasala namnye kubo usindiliyo.
9
Wenza ke uYoshuwa kubo njengoko wathethayo uYehova kuye;amahashe abo wawanqumla imisipha, iinqwelo zabo zokulwa wazitshisa ngomlilo.
10
Wabuya uYoshuwa ngelo xesha, wayithimba iHatsore, wambulala ukumkani wayo ngekrele, kuba iHatsore ngenxa engaphambili ibe iyintloko yezo zikumkani zonke.
11
Ababulala bonke abantu abakuyo ngohlangothi lwekrele, ayitshabalalisa; akwasala namnye uphefumlayo; ayitshisa iHatsore ngomlilo.
12
Yonke imizi yabo kumkani, nabo kumkani bayo bonke, wabathimba uYoshuwa; wababulala ngohlangothi lwekrele, wabatshabalalisa, njengoko uMoses umkhonzi kaYehova wawisayo umthetho.
13
Kodwa yonke imizi emi emimangweni yayo amaSirayeli akayitshisanga; yaba yiHatsore yodwa awayitshisayo uYoshuwa.
14
Onke amaxhoba aloo mizi neenkomo bazithimbela oonyana bakaSirayeli; kodwa bababulala bonke abantu ngohlangothi lwekrele, bada babatshabalalisa, abasalisa namnye uphefumlayo.
15
Njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses umkhonzi wakhe, wenjenjalo uMoses ukumwisela umthetho uYoshuwa.Wenjenjalo ke uYoshuwa; akasusa nalinye ilizwi kuko konke uYehova awamwisela uMoses umthetho ngako.
16
Walithabatha ke uYoshuwa lonke elo zwe leentaba, nelasezantsi lonke, nelizwe laseGoshen lonke, nelezihlambo, nele-Arabha, neentaba zakwaSirayeli, nezihlambo zazo;
17
elithabathela ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyuka ziye kwaSehire, lesa eBhahali-gadi, ethafeni laseLebhanon, phantsi kwentaba yeHermon. Bonke ookumkani bawo wabathimba, wabaxabela, wababulala.
18
Yaba mininzi ke imihla esenza imfazwe uYoshuwa nabo kumkani bonke.
19
Akubangakho mzi wazinikelayo ngoxolo koonyana bakaSirayeli, ingengamaHivi abemi baseGibheyon; yonke bayithabatha ngokulwa.
20
Ngokuba kwavela kuYehova ukuziqinisa iintliziyo zabo, ukuba bawahlangabeze amaSirayeli ngemfazwe, ukuze abatshabalalise, ukuze kungabikho kubabalwa kwabo, ukuze ke abatshabalalise, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
21
Wafika uYoshuwa ngelo xesha, wawanqumla ama-Anaki ezintabeni, eHebron, eDebhiri, eAnabhi, ezintabeni zonke zakwaYuda, ezintabeni zonke zakwaSirayeli; uYoshuwa wawatshabalalisa kunye nemizi yawo.
22
Akwasala ma-Anaki ezweni loonyana bakaSirayeli, kuphela kwasala eGaza, naseGati, naseAshode.
23
Walithabatha ke uYoshuwa lonke ilizwe, njengako konke awakuthethayo uYehova kuMoses; walinika uYoshuwa lalilifa lamaSirayeli, ngokweentlantlu zawo, ngokwezizwe zawo. Lazola ke ilizwe, akwabakho mfazwe.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24