bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Joshua 12
Joshua 12
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
1
Ngabo ke aba ookumkani belizwe, ababulawayo ngoonyana bakaSirayeli, balihlutha ilizwe labo phesheya kweYordan ngasempumalanga, bethabathela emlanjaneni oyiArnon, besa entabeni yeHermon, neArabha yonke ngasempumalanga:
2
nguSihon ukumkani wama-Amori, obehleli eHeshbhon, elawula ethabathela eArohere engasemlanjaneni oyiArnon, naphakathi kwesihlambo, nasesiqingatheni seGiliyadi, wesa emlanjaneni oyiYabhoki, engumda woonyana baka-Amon;
3
neArabha, wesa elwandle lwaseKidneroti ngasempumalanga, wesa elwandle lweArabha, uLwandle lweTyuwa ngasempumalanga, ngendlela yeBhete-yeshimoti; nasezantsi, phantsi kwamaxandeka asePisga.
4
Bahlutha necala likaOgi ukumkani waseBhashan, owayesele kumaRafa, obehleli eAshtaroti nase-Edreyi,
5
elawula entabeni yeHermon naseSaleka, nakwiBhashan yonke, wesa emdeni wamaGeshuri, namaMahakati, nesiqingatha seGiliyadi, umda kaSihon ukumkani waseHeshbhon.
6
UMoses, umkhonzi kaYehova, noonyana bakaSirayeli bababulala abo. UMoses, umkhonzi kaYehova, walinika lamiwa ngamaRubhen, nangamaGadi, nesiqingatha sesiwe sakwaManase.
7
Ngabo aba ookumkani belizwe, awababulalayo uYoshuwa noonyana bakaSirayeli nganeno kwaYordan ngasentshonalanga, ethabathela eBhahali-gadi entilini yeLebhanon, wesa ezintabeni ezimkhuthuka, ezinyukayo ziye kwaSehire; uYoshuwa walinika izizwe zakwaSirayeli, zema kulo ngokweentlantlu zazo,
8
ezintabeni, nasezihlanjeni, naseArabha, nasemaxandekeni, nasentlango, nakwelasezantsi: amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi:
9
ngukumkani waseYeriko, emnye; ngukumkani waseAyi, engecala leBheteli, emnye;
10
ngukumkani waseYerusalem, emnye; ngekumkani waseHebron, emnye;
11
ngukumkani waseYarmuti, emnye; ngukumkani waseLakishe, emnye;
12
ngukumkani wase-Eglon, emnye; ngukumkani waseGezera, emnye;
13
ngukumkani waseDebhiri emnye; ngukumkani waseGedere, emnye;
14
ngukumkani waseHorma, emnye;
15
ngukumkani waseArade, emnye; ngukumkani waseLibhena, emnye; ngukumkani waseAdulam, emnye;
16
ngukumkani waseMakeda, emnye; ngukumkani waseBheteli, emnye;
17
ngukumkani waseTapuwa, emnye; ngukumkani waweHefere, emnye;
18
ngukumkani waseAfeki, emnye; ngekumkani waseLasharon, emnye;
19
ngukumkani waseMadon, emnye; ngukumkani waseHatsore, emnye;
20
ngukumkani waseShimron-merom, emnye; ngukumkani waseAkeshafi, emnye;
21
ngukumkani waseTahanaki, emnye; ngukumkani waseMegido, emnye;
22
ngukumkani waseKedeshe, emnye; ngukumkani waseYokeneham eKarmele, emnye;
23
ngukumkani waseDore ezindulini zeDore, emnye; ngukumkani wamaGoyi eGiligali, emnye;
24
ngukumkani waseTirtsa, emnye. Bonke ookumkani abo ngamashumi omathathu anamnye.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24