bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 John 2
1 John 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
1
LUSATSHANA lwam! ezizinto ndiyaziba̔la kuni, ukuze ningoni. Kanti xeshekweni umntu onayo, sinaye umteteleli kuyise, u‐Yesu Kristu olungileyo:
2
kanjalo yena usisizi ngenxa yezono zetu; engesiso ngenxa yezetu zodwa, usiso nangenxa y ez alo lonke ilizwe.
3
Ngako oku ke siyakwazi ukuba simazile yena, xeshekweni imiyalelo yake siyigcinayo.
4
Oti: Ndimazile yena, kanti imiyalelo yake akayigcini, ulixoki, nakuye lo inyaniso ayiko:
5
kodwa osukuba‐eligcina ilizwi lake, ngokwenene kuye lo utando lukatixo lufezekisiwe. Ngako oku siyakwazi ukuba sikuye yena.
6
Oti uyahlala kuye, ufanelwe kukuti, njengokuba yena lowo ebehamba, enje njalo ukuhamba naye.
7
Bazalwana! andiba̔li umyalelo omtsha kuni, koko ndiba̔la umyalelo omdala, enibe ninawo kwa sekuqaleni: wona umyalelo omdala ulilizwi enalivayo kwa sekuqaleni.
8
Kanjako umyalelo omtsha ndiyawuba̔la kuni; okuyinene kuye nakuni: kuba ubumnyama budlula, nalo ukanyiso oluyinyaniso selukanya kaloku.
9
Oti uselukanyweni, kanti utiya umzalwana wake, usebumnyameni kwada kwakaloku.
10
Otandayo umzalwana wake uyahlala elukanyweni, kungeko sixakaniso kuye.
11
Kodwa otiyayo umzalwana wake usebumnyameni, uyahamba ebumnyameni kanjalo, engazi apo aya kona, kuba ubumnyama bumfamekisile amehlo ake.
12
Ndiyaba̔la kuni, lusatshana! ngokokuba nixolelwe izono zenu ngenxa yegama lake.
13
Ndiyaba̔la kuni, boyise! ngokokuba nimazile lowo okoyo kwa sekuqalekeni. Ndiyaba̔la kuni, madodana! ngokokuba nimoyisile okohlakeleyo. Ndiyaba̔la kuni, bantwana! ngokokuba nimazile uyise.
14
Ndiba̔lile kuni, boyise! ngokokuba nimazile lowo okoyo kwa sekuqalekeni. Ndiba̔lile kuni, madodana! ngokokuba nomelele, nokuba ilizwi likatixo lihlala kuni, nokuba nimoyisile okohlakeleyo.
15
Ningalitandi ilizwe, kwa nezinto ezikulo ilizwe. Xeshekweni umntu alitandayo ilizwe, utando lukayise aluko kuye.
16
Ngokuba konke okuselizweni, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, ner̔atshi lobomi, kungaveli kuye uyise, kuvela kulo ilizwe.
17
Kanjalo lona ilizwe liyadlula, nenkanuko yalo; kodwa oyenzayo intando katixo uyahlala kude kube ngunapakade.
18
Bantwana! selilixeshana lokugqibela: nanjengokuba nevayo ukuba u‐Antikristu uyeza, kwa njalo kaloku o‐Antikristu abaninzi sebeko: kukona siqondayo ukuba selilixeshana lokugqibela.
19
Bapuma kuti, koko bebengengabakuti: ngokuba ke ukuba bebengabakuti, ngebeba besahleli nati; koko bapumayo, ukuze babonakaliswe ukuba bebengengabakuti bonke.
20
Kanti nina ninalo utanjiswa luvela kuye oyingcwele, nize nizazi zonke izinto.
21
Andiba̔langa kuni ukuba ningayazi inyaniso, kukuba niyazi; nokuba nisazi ukuba akuko buxoki obuvela kuyo inyaniso.
22
Ngubanina olixoki, kupela ngulowo ukanyelayo ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu? Yena lo unguye u‐Antikristu, okanyelayo uyise nonyana.
23
Osukuba emkanyela unyana, akanaye noyise: ovumayo unyana, u noyise naye.
24
Nina ngoko, oko nakuvayo kwa sekuqaleni, makuhlale kuni. Xeshekweni kuhlala kuni oko nakuvayo kwa sekuqaleni, nani niya kuhlala kuye unyana nakuye uyise.
25
Siso esi ke isitembiso wasitembisayo ngaso, e sobomi obungunapakade.
26
Ezizinto ndiziba̔lile kuni ngabo abanikohlisayo.
27
Kanti nina, utanjiswa enalwamkelayo kuye, luyahlala kuni, nize ningafaneli ukuba umntu anifundise; koko njengokuba lona olotanjiswa lunifundisa ngento zonke, luyinene nje, lungebubo ke ubuxoki, nanjengokuba belunifundisile, niya kuhlala kuye.
28
NAKALOKU, lusatshana! hlalani kuye; ukuze siti, okuya abonakaliswayo, sibe nokalipo, singamndwebi ngokudana ke, ekufikeni kwake.
29
Xeshekweni nikwazi ukuba ulungile, niyaqonda ukuba osukuba esenza ubulungisa uzelwe nguye.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5