bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 John 4
1 John 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
1
Batandwa! ningakolwa ngomoya bonke, niti nibalinge omoya, ukuba bavela kutixo na: ngokuba abaprofite ababuxoki abaninzi bepumile bangena elizweni.
2
Ngako oku niyamazi umoya katixo: Bonke omoya abavumayo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni bavela kutixo;
3
kanjako bonke omoya abangavumiyo u‐Yesu Kristu ukuba uzile enyameni abaveli kutixo: unjalo ke umoya wo‐Antikristu, lowo enivileyo ukuba uyeza, osel’ eko elizweni nakaloku.
4
Nina ningabakuye utixo, lusatshana! seniboyisile bona: ngokuba emkulu lowo ukuni ngapezu kwalowo uselizweni.
5
Bona bangabakulo ilizwe: ngenxa yoku bayateta okwaselizweni, liti ilizwe libeve.
6
Tina singabakuye utixo: omaziyo utixo uyasiva; lowo ungengowakuye utixo akasiva. Kwa ngako oku siyazi umoya wenyaniso nomoya wolahlekiso.
7
BATANDWA! masitandane: ngokuba utando luvela kutixo; nosukuba etanda, yena uzelwe ngutixo, uyamazi utixo kanjako.
8
Lowo ungatandiyo akamazanga utixo: ngokuba utixo elutando.
9
Kuko oku utando lukatixo lwabonakaliswa kuti, ukuba unyana wake okupela kwozelweyo utixo umtumile ukuza elizweni, ukuze sipile ngaye.
10
Nal’ utando kuko oku, kungekukuba tina samtanda utixo, kukuba yena wasitanda tina, wamtuma unyana wake ukuba sisizi ngenxa yezono zetu.
11
Batandwa! ukuba utixo wasitanda tina kangaka, nati sifanelwe kukutandana.
12
Akuko mntu oke wambona utixo nakanye. Xeshekweni sitandanayo, utixo uyahlala kuti, luti utando lwake lufezekiswe kuti.
13
Ngako oku siyazi ukuba siyahlala kuye, nokuba yena uyahlala kuti, ngokuba esinikile o kwomoya wake.
14
Nati tina sibonile, siti kanjalo sinqi̔ne okokuba uyise umtumile unyana wake ukuba ngumsindisi welizwe.
15
Lowo usukuba evuma ukuba u‐Yesu unguye unyana katixo, utixo uyahlala kuye, naye yena uyahlala kutixo.
16
Kanjalo tina silwazile sikoliwe nokukolwa lulo olotando utixo analo kuti. Utixo ulutando: nalowo uhlala elutandweni, yena uyahlala kutixo, naye utixo uyahlala kuye.
17
Kuko oku utando lufezekiselwe tina, ukuze sibe nalo ukalipo emhleni womgwebo: ngokuba njengokuba enjalo yena lowo, sinjalo tina nati kwelilizwe.
18
Akuko soyiko elutandweni; koko utando olufezekileyo lusilahlela pandle isoyiko; kuba isoyiko sinabo ubuhlungu: yena owoyikayo akafezekiswanga elutandweni.
19
Siyamtanda yena, kuba wasitanda tina tanci.
20
Xeshekweni umntu atshoyo ukuti: Ndiyamtanda utixo, kanti utiya umzalwana wake, ulixoki; ngokuba lowo ungamtandiyo umzalwana wake ambonileyo, angati nina ukumtanda utixo angambonileyo?
21
Kanjalo lomyalelo sinawo uvela kuye, ukuba omtandayo utixo makamtande nomzalwana wake.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5