bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
1 John 5
1 John 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
1
Osukuba ekolwa ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu uzelwe ngutixo; nosukuba emtanda owazalayo uyamtanda nozelweyo nguye.
2
Ngako oku siyazi ukuba siyalutanda usapo lukatixo, okuya utixo simtandayo, nemiyalelo yake siyigcinayo.
3
Ngokuba lulo olu utando lukatixo, ukuba siyigcine imiyalelo yake: imiyalelo yake ayinzima ke.
4
Ngokuba konke okuzelweyo ngutixo kuloyisa ilizwe: lulo olu ke ulwoyiso oluloyisayo ilizwe, ukolo lwetu.
5
Ngubanina oloyisayo ilizwe, kupela ngulowo ukolwayo kukuba u‐Yesu ungunyana katixo?
6
Nguye lo owezayo ngamanzi negazi, u‐Yesu ongu‐Kristu; bekungengawo amanzi odwa, bekungawo amanzi negazi: kanjalo umoya ungulowo unqi̔nayo, kuba umoya uyinyaniso.
7
Ngokuba kuko abatatu abanqi̔nayo ezulwini, uyise, u‐Lizwi, nomoya oyingcwele; aba batatu ke banye.
8
Kuko nabatatu abanqi̔nayo emhlabeni, umoya, namanzi, negazi: aba batatu ke balungelelene.
9
Ukuba siyamkela ubunqi̔na babantu, ubunqi̔na bukatixo bugqitisile: ngokuba bubo obu ubunqi̔na bukatixo abunqi̔nileyo ngaye unyana wake.
10
Okolwayo kuye unyana katixo unabo ubunqi̔na kwa pakati kwake; lowo ungakolwayo kuye utixo, umenzile yena ixoki, kuba engakolwanga kubo ubunqi̔na abunqi̔nileyo utixo ngaye unyana wake.
11
Bubo obu ke ubunqi̔na, bokuba utixo wasinika ubomi obungunapakade; bona obubomi ke bukuye unyana wake.
12
Onaye unyana, unabo ubomi; lowo ungenaye unyana katixo, akanabo ubomi.
13
EZIZINTO ndiziba̔lile kuni nikolwayo egameni lonyana katixo; ukuze nibe nokwazi ukuba ninabo ubomi obungunapakade, nokuze nibe nokukolwa egameni lonyana katixo.
14
Lulo olu ke ukalipo sinalo ngakuye, ukuba, xeshekweni sicela into ngokwentando yake, uyasiva:
15
naxeshekweni saziyo ukuba uyasiva, oko sisukuba sikucela, siyazi ukuba siyazuza ingcelo ezo esiziceleyo kuye.
16
Xeshekweni umntu ambonayo umzalwana wake esona isono esingabangi kufa, uya kucela, waeya kunika kuye ubomi, kubo abenzayo isono esingabangi kufa. Kuko isono esibang’ ukufa: anditsho ukuti makatandazele sona eso.
17
Konke okungalungileyo kusisono: kanjalo kuko isono esingabangi kufa.
18
Siyazi ukuba lowo usukuba ezelwe ngutixo akoni: uti owazalwayo ngutixo azigcine, ati okohlakeleyo angampati.
19
Siyazi ukuba tina singabakuye utixo, nokuba ilizwe lonke limi enkohlakalweni.
20
Siyazi kodwa ukuba unyana katixo ufikile, nokuba usinikile ingqondo, ukuze simazi lowo uyinyaniso; kanjalo sikuye lowo uyinyaniso, kuye unyana wake u‐Yesu Kristu. Nguye lo utixo oyinyaniso, nobomi obungunapakade.
21
Lusatshana! zibambeni kuzo izitixo. Amene.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
All chapters:
1
2
3
4
5