bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Peter 1
2 Peter 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
USIMONE Petrosi, isicaka nompostile ka‐Yesu Kristu, kubo abo baluzuzileyo kwa lona ukolo lufana nolwetu ukuba lunqabile kwalo ebulungiseni bake utixo nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu:
2
Ufefe noxolo lwanga lunganandiselwa ekwaziweni kwake utixo, no‐Yesu inkosi yetu.
3
Ukuba amandla ake abutixo esipile zonke izinto ezi lung ele ubomi nobubedesho, ngako ukwaziwa kwalowo owasibizayo ngabo ubungcwalisa namandla;
4
okungazo sipiwe izitembiso ezikulu kunene ezinqabileyo, ukuze niti ngezi nibe nobudlelana nawo ummilo obutixo, nisindile nje kulo ulwonakalo oluselizweni ngayo inkanuko;
5
kwa ngenxa yako oku ke, senisongeza konke ukuku̔tala nje, yalekelani kulo ukolo lwenu ulwomelelo, nakulo ulwomelelo lwenu ukwazi,
6
nakuko ukwazi kwenu ubunca̔tu, nakubo ubunca̔tu benu umonde, nakuwo umonde wenu ububedesho,
7
nakubo ububedesho benu ukutanda abazalwana, nakuko ukutanda abazalwana kwenu utando.
8
Ngokuba ezizinto ukuba ziko kuni, zisanda nokwanda, zinenza ukuba ninganqeni nokuba ningaputi ekwaziweni kwayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu.
9
Kanti ke lowo zingeko kuye ezizinto uyimfama, ekohlwa kubona kude, selelibele nje intlanjululwa yezono zake zapambili.
10
Ngako oko, bazalwana! nxamelani ngakumbi ukubizwa nokunyulwa kwenu ukukwenza kuqinisekile; ngokuba nisenza oku ke ningasayi kuza niwe:
11
ngokuba ngokunjalo niya kwenzelelwa ukungena ebukumkanini obungunapakade bayo inkosi yetu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu ngokukolisa.
12
Ngako oko andiyi kulibala ukunikumbuza futi ngezizinto, nangona niti nizazi, niqiniselwe kwinyaniso eninayo.
13
Kodwa ndiba kufanelekile, lonke ixesha ndiseko ngalo kulo olupahla, ukuba ndinivuse ngoku ni kumbuza;
14
ndisazi nje ukuba ukubekwa pantsi kwalo upahla lwam kuza kubako kamsinya, kwa njengokuba inkosi yetu u‐Yesu Kristu yandibonisayo.
15
Kodwa ndiya kuzama ukuba nibe nako kanjalo ngamaxesha onke emveni kwokufa kwam ezizinto ukuzikumbula.
16
Ngokuba besingalandelanga intsomi ezenziweyo ngobuqinga, sakunazisa amandla nokufika kwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, koko sibe singababoneli bobukulu bayo.
17
Ngokuba yamkelayo udumo nobungcwalisa kutixo uyise, kwakuziswa kuyo ilizwi elinjalo livela kubo ubungcwalisa obubungangamsh, lisiti: Lo ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.
18
Nelilizwi saliva tina lakuziswa livela ezulwini, oko sibe sinaye entabeni engcwele.
19
Kanjalo sinalo ilizwi lobuprofitesho liqinisekile ngakumbi, enilungisa ukulinyamekela, njengaso isibane sikanya endaweni emnyama, kude kuti qi̔p’ ukusa, kupume nekwezi, ezintliziyweni zenu:
20
oku kuqala nikuqonda nje, ukuba akuko siprofitesho sesiba̔lo esisesokwaso ukutyilwa:
21
ngokuba kungezanga kuziswe isiprofitesho ngentando yomntu; koko abantu abangcwele bakatixo batetayo, bequ̔tywa ngumoya oyingcwele.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3