bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Peter 3
2 Peter 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
LENCWADI yesibini, batandwa! ndiyayiba̔la kuni kaloku; enditi kuzo zombini ndiluvuse uluvo lwenu olungcwengekileyo ngoku ni kumbuza:
2
ukuba nikumbule wona amazwi abetetiwe pambili ngabo abaprofite abangcwele, nawo umyalelo wetu tina bapostile bayo inkosi nomsindisi;
3
oku kuqala nikuqonda nje, ukuba kuya kuvela emihleni yokugqibela abahleki, behamba ngokwezabo inkanuko,
4
besiti nokuti: Sipina isitembiso sokufika kwayo? ngokuba kuseloko obawo balala kukufa, zonke izinto ziman’ ukuhlala njengokuba zibe zihleli njalo kwa sekuqalekeni kwokudalwa.
5
Ngokuba oku bekufihlelwa ngabomi, okokuba amazulu ebeko kudala, nomhlaba ubumi ngokupuma emanzini nangokuba pakati kwamanzi, ngelizwi likatixo;
6
ekungawo wona ilizwe laloko, ligalelelwe ngamanzi nje, latshabalala:
7
kodwa awakaloku amazulu nomhlaba abekelwe kwa ngalo lona ilizwi, egcinelwa umlilo kude kube ngumhla wokugweba nowokutshabalala kwabantu abangabedeshiyo.
8
Kodwa le into inye maningayifihlelwa, batandwa! yokokuba umhla mnye pambi kwenkosi unjengayo iminyaka eliwaka, nokuba iminyaka eliwaka injengawo umhla mnye.
9
Yona inkosi ayilibaleli okwesitembiso sayo, njengokuba besiba inxenye kukulibala; kuloko inokuzeka kade ngakuti, ingafuni ukuba namnye atshabalale, ifuna ukuba bonke bangene elugqobokweni ke.
10
Kodwa umhla wenkosi uya kufika njengokuba isela lifika ebusuku; okukuwo amazulu odlula ngesandi esikulu, neziqaleko zisitsha nje zoci̔teka, nawo umhlaba nemisebenzi ekuwo wotshiswa.
11
Kekaloku ezizinto zonke zinokuci̔teka nje, nifanele ukuba ngabanjanina kuko konke ukumila okungcwele nobubedesho,
12
nilinda ninxamisa nokunxamisa ukufika kwawo umhla katixo, okungenxa yawo amazulu evuta nje oci̔teka, neziqaleko zisitsha nje zonyibilika?
13
Kodwa tina, ngokwesitembiso sake, siyalinda amazulu amatsha nomhlaba omtsha, okuhlala kona ubulungisa.
14
Ngako oko, batandwa! ezizinto nizilinda nje, zamani ukuba nifunyanwe nguye eluxolweni, ningenabala, ningohlwayeki;
15
nokuzeka kade kwenkosi yetu kubaleni ukuba kulusindiso: njengokuba nomzalwana wetu otandiweyo u‐Paulusi, ngokwobulumko obunikiwe kuye, waniba̔lelayo;
16
njengokuba eba̔lile nakuzo zonke incwadi zake, eteta kuzo ngezizinto; okukoyo pakati kwazo ezitile ezinzima ukuba ziqondwe, abati bona abangafundileyo nabajingayo bazijikajikise, njengokuba bezenze njalo nezinye iziba̔lo, kuze kube kokwabo ukutshabalala.
17
Nina ngoko, batandwa! nizazi nje ezizinto ngapambili, lumkani, hleze niti, niku̔kulisiwe ngolahlekiso lwabakohlakeleyo nje, niwe kokwenu ukuqina.
18
Kodwa kulani elufefeni nasekwaziweni kwayo inkosi yetu nomsindisi wetu u‐Yesu Kristu: okuye makubeko ubungcwalisa nakaloku nakude kube ngunapakade. Amene.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3