bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
2 Peter 2
2 Peter 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
KODWA kwabekuko nabaprofite ababuxoki pakati kwabantu, njengokuba kuya kubako abafundisi ababuxoki napakati kwenu, abo abaya kuti ngokunyebelezisa bangenise izahlukaniso ezitshabalalisayo, bekanyela nenkosi yabatengayo, ezihlisela intshabalalo ezayo kamsinya.
2
Baye abaninzi beya kulandela imikwa yabo etshabalalisayo; okungetuba labo indlela yenyaniso iya kugxekwa.
3
Kanjalo ngokubawa baya kunenza intengo ngamazwi abebezekayo; abakugwetywa kwabo kuse kukade kungazilazili, nokutshabalala kwabo kunganqwalazi.
4
Ngokuba ke, ukuba utixo akayeka ingelosi zakwona, koko eziwisele esihogweni somlilo emixokelelwaneni yesitokotoko wazinikelayo ukugcinelwa ukugwetywa;
5
nokuba akayeka ilizwe lakudala, koko wamlondolozayo u‐Nowa umshumayeli wobulungisa nabanye abasixe̔nxe, akuzisa umsingakazi pezu kwelizwe labangabedeshiyo;
6
nokuba izixeko ze‐Sodome ne‐Gomora eziguqule nje zibe ngumtutu wazigweba ngengci̔takalo, ezimisa zibe ngumlinganiso kwabaya kwenza ngokungabedeshi:
7
no‐Lote olungileyo, edinisekile kukumila okubutshinitshini kwabakohlakeleyo, wamhlangula; (
8
ngokuba lo mntu olungileyo, ngokubona nangokuva, emi pakati kwabo, wakataza umpefumlo wake olungileyo imihla ngemihla ngezenzo zabo ezingendawo;)
9
iyakwazi inkosi ukuhlangula ababedeshekileyo ekulingweni, nokugcinela abangalungileyo umhla womgwebo ukuba bohlwaywe;
10
nakakulu ke abo bahambayo ngokulandela inyama enkanukweni yokunco̔lileyo, badele nobukosi. Basile, banenkani, aboyiki ukugxeka abasebungcwaliseni:
11
apo ingelosi, ezigqitisileyo ngobomelelo nangamandla, zingazisiyo isincetezo esigxekayo ngakubo pambi kwenkosi.
12
Kodwa aba, njengezilo ezingatelekeleliyo, ezilandela okwemvelo, ezenzelweyo ukubanjwa nokubulawa, begxeka izinto abangazaziyo, bogqibela ukwonakala elwonakalweni lwabo,
13
beza kwamkela nje umvuzo wokungalungileyo: bebala ububedengu basemini ukuba bungumhlali; bengamabala nezipako; befeketa ezinkohlisweni zabo, nxa badlayo nani emitendelekweni;
14
benamehlo ezele luṙexezo, engenako ukuyeka isono: behenda imipefumlo ejingayo, benentliziyo iqeliselwe ukubawa, bengabantwana boqalekiso:
15
abati beyishiyile nje indlela elungileyo, balahleka, balandela indlela ka‐Bilame unyana ka‐Bosori, owatanda umvuzo wokungalungileyo;
16
kodwa wohlwayelwa ukugqita kwake umteto: iqwaṙashe elisidenge, liteta ngelizwi lomntu, lalela ubugeza bomprofite lowo.
17
Aba bayimitombo engenamanzi, bangamafu equ̔tywayo luqwitela; ekugcinelwe bona isitokotoko sobumnyama kude kube ngunapakade.
18
Ngokuba besiti, beteta nje amazwi okuzidla angendawo, bahende ngenkanuko zenyama, ngezinto zobutshinitshini, abo babesindile kanye kubo abahlalayo elulahlekweni;
19
bebatembisa nje inkululeko, bona ngokwabo bengamakonza olwonakalo: ngokuba lowo umntu oyiswayo nguye, ekonziswa nguye lo kanjalo.
20
Ngokuba, emvenikweni basindileyo kwizinco̔liso zaselizweni ngokwaziwa kwayo inkosi nomsindisi u‐Yesu Kristu, ukuba ke babuya baṙintyelwe zizo, boyiswe, okwokupela kwabo kubi ngakumbi kokwokuqala.
21
Ngokuba ngekuba kubalungele ukuba babe bengayazanga indlela yobulungisa, ngapezu kwokuba bati, emvenikweni bayazileyo, baguquke kuwo umyalelo ongcwele obunikelwe kubo.
22
Kodwa kubahlele okwomzekeliso oyinyaniso: Inja ibuyele emhlanzweni wayo; nehangukazi ebihlanjiwe, endaweni yokuqikileka eludakeni.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3