bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joel 1
Joel 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
ILIZWI likayehova elezayo ku‐Joweli, unyana ka‐Petuweli:
2
Yivani oku, nina badala! bekani indlebe, nonke nina bemi belizwe! Kube kuhlile oku na emihleni yenu? umhlaumbi emihleni yoyihlo benu na?
3
Xelelani abantwana benu ngako, nabantwana benu mabaxelele abantwana babo, nababo abantwana isizukulwana sasemva.
4
Okushiyiweyo ngumqikela, kudliwe yinkumbi; nokushiyiweyo yinkumbi, kudliwe sisiboto; nokushiyiweyo sisiboto, kudliwe nguṙuxeshe.
5
Vukani, nina banxili! nilile; kalani, nonke nina baseli beveyine! ngenxa yeveyine entsha, ngokuba inqamkile emlonyeni wenu.
6
Ngokuba isizwe sinyukele pezu kwelizwe lam, esinamandla, esingenakubalwa; amazinyo aso ngamazinyo engonyama; sinamenyo omhlati engonyamakazi.
7
Senzele umti weveyine wam ukucitakala, nomkiwane wam ukwapuka; sigqibele ukuxoza amaxolo awo, sawuwisa: amagatya awo enziwe mhlope.
8
Yiba nosizi, njengomtshakazi obinqiweyo ngentlakantlaka, ngenxa yendoda yobutsha bake.
9
Umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, unqanyulwe endlwini kayehova: bayalila abaperisite, abakonzi bakayehova.
10
Ilizwe licitakele, umhlaba uyalila; ngokuba inqolowa icitakele, iveyine entsha yomile, ioli iyacubuka.
11
Yibani nokudana, nina balimi bomhlaba! kalani, nina balimi bemiti yeveyine! ngenxa yenqolowa nangenxa yeṙalasi; ngokuba ukuvunwa kwelizwe kububile.
12
Umti weveyine womile, nomkiwane ubunile; igranate, nomti wepalime, noweapele, yonke imiti yelizwe yomile; ewe, uvuyo lutshile konyana babantu.
13
Binqani, nenze isijwili, nina baperisite! kalani, nina bakonzi besibingelo! ngenani, nihlale ngentlakantlaka ubusuku bonke, nina bakonzi botixo wam! ngokuba umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, ubanjiwe kuyo indlu katixo wenu.
14
Miselani inzilo engcwele, memani intlanganiso enkulu; hlanganisani abadala, nabo bonke abemi belizwe, beze endlwini kayehova, utixo wenu, nibizele kuyehova.
15
Au, umhla lowo! ngokuba umhla kayehova ukufupi, nanjengengcitakaliso evela konamandla onke uya kuza.
16
Ukudla akunqanyulwanga pambi kwamehlo etu na? kwa n ovuyo nomgcobo endlwini katixo wetu na?
17
Inkozo zibolile ngapantsi kwamagada azo; izisele zitshabalele, amaqonga acitiwe, ngokuba inqolowa yomile.
18
Hai ukugula kwenkomo! hai ukuxakeka kwemihlambi yenkabi! ngokuba zingenadlelo: ewe, imihlambi yezimvu ici̔takalisiwe.
19
Ndiyabiza kuwe, Yehova! ngokuba umlilo udlile amaṙiwa asentlanga, nayo yonke imiti yasendle ilangatye liyitshisile.
20
Kwa izilo zasendle ziyakangela ngakuwe: ngokuba imilanjana yamanzi itshile, namaṙiwa asentlango umlilo uwadlile.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3