bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joel 2
Joel 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
1
VUTELANI ngexilongo e‐Ziyone, nihlokomise ivuso entabeni yam engcwele: mabangcangcazele bonke abemi belizwe; ngokuba umhla kayehova usiza, ngokuba ukufupi:
2
umhla wobumnyama nowesitokotoko, umhla wamafu nowokusibekela kakulu; njengesifingo sokusa sitwabululekile pezu kwentaba: abantu abaninzi abanamandla: akuzanga kubeko abanjalo kwa kudala, nasemva kwabo akusayi kubuya kubeko abanjalo, ngayo iminyaka yezizukulwana ngezizukulwana.
3
Pambi kwabo umlilo uyadla, nasemva kwabo ilangatye liyatshisa; ilizwe elipambi kwabo linjengomyezo we‐Hedeni, nasemva kwabo lubala oluci̔takeleyo; nakanjako akuko nto eya kusinda kubo.
4
Ukubonakala kwabo kunjengokubonakala kwamahashe, nanjengabakweli bamahashe, bobaleka njalo.
5
Baya kuqakata njengesandi senqwelo pezu kwengcopo zentaba, njengesandi selangatye lomlilo usidla indiza, njengabantu abomeleleyo becwangciselwe ukulwa.
6
Ebusweni babo abantu baya kututumela: bonke ubuso bozuza ubumnyama.
7
Bobaleka njengamaṙoti; baya kukwela eludongeni njengamadoda okulwa; bohamba abanye ngabanye ezindleleni zabo, abayi kushenxisa izihambo zabo.
8
Omnye akayi kusunduza omnye; baya kuhamba abanye ngabanye kwezabo indawo: noko bawayo pakati kwezikali, abayi kulinyazwa.
9
Baya kusukasuka esixekweni; bobaleka pezu kwodonga; bonyukela ezindlwini; baya kungena ngefentsile njengesela.
10
Umhlaba wozamazama ebusweni babo, izulu liya kungcangcazela; ilanga nenyanga zoba mnyama, nenkwenkwezi ziya kufinyeza ukukanya kwazo.
11
Kanjalo uyehova woku̔pa ilizwi lake pambi kwempi yake; umkulu kakulu nje umkosi wake; ewe, unamandla, usenza umteto wake: ngenyaniso umhla kayehova umkulu, ngowoyikekileyo kunene; ngubanina ongawunyamezelayo?
12
Nize niti ke kaloku, utsho uyehova, niguqukele kum ngayo yonke intliziyo yenu, nangokuzila, nangokulila, nangesijwili;
13
nirazule intliziyo yenu, kungabi zingubo zenu, niguqukele kuyehova, utixo wenu: ngokuba enofefe nenceba yena, equmba kade, enobubele obukulu, enosizi ngobubi.
14
Ngubanina owaziyo? angaguquka abe nosizi, alishiye itamsanqa emva kwake, umnikelo wokudla, nomnikelo wokusela, kuyehova, utixo wenu.
15
Vutelani ngexilongo e‐Ziyone, miselani inzilo engcwele, memani intlanganiso enkulu.
16
Butani abantu; yenzani ngcwele umhlambi; hlanganisani abadala; butani abantwana, nabo abawanyayo amabele; makapume umyeni enkambilini yake, nomtshakazi esililini sake.
17
Mabati abaperisite, abakonzi bakayehova, balile pakati kwentendelezo nesibingelo; mabatsho ukuti: Yiba nosizi, Yehova! ebantwini bako, unganikeli esigxekweni ilifa lako, baze abaheyideni babe nobukosi pezu kwabo: baya kuti nganina pakati kwabantu: Upina utixo wabo?
18
Uya kwandula uyehova abe nobukwele ngenxa yelizwe lake, akedamele abantu bake.
19
Ewe, uya kupendula uyehova, ati ebantwini bake: Bona ke, ndonitumela inqolowa, neveyine entsha, neoli, naniya kukoliswa zizo: ndandingasayi kunenza nibe sisigxekwa pakati kwabaheyideni.
20
Naye um‐Node ndiya kumkwelelisa kude kuni, ndimgxotele elizweni elomileyo elibugxwayiba, ubuso bake bubeka ngaselwandle lwasempumalanga, nomva wake ngaselwandle lwasentshonalanga; kwonyuka ukunuka kwake, ewe, liya kunyuka ivumba elibi lake, ngokuba ezenzile izinto ezinkulu.
21
Ungoyiki, wena lizwe! yiba nomgcobo, uvuye ke, ngokuba uyehova eya kuzenza izinto ezinkulu.
22
Ningoyiki, nina zilo zasendle! ngokuba amaṙiwa asentlango ecu̔ma utyani; ngokuba umti uhlanza ukutya kwawo; umkiwane nomti weveyine iyanika amandla ayo.
23
Gcobani, bonyana base‐Ziyone! nivuye kuyehova, utixo wenu: ngokuba enipa imvula yangapambili ngento efanelekileyo; waeya kuninisela umvumbi wemvula — imvula yangapambili nemvula yangasemva njenga sekuqaleni:
24
zize izibaya zizale yinqolowa, nefatye zipupume yiveyine neoli.
25
Kwa njalo ndiya kunenzelelela iminyaka ebidliwa yinkumbi, n esiboto, noṙuxeshe, nomqikela, impi yam enkulu endayitumayo ngakuni.
26
Naniya kutya ngokukolisa, nihlute, nilidumise igama likayehova, utixo wenu, onenzeleyo ngokungummangaliso: kanjalo abasayi kuba nokudana abantu bam napakade.
27
Niya kwandula ukwazi ukuba mna ndipakati kwo‐Sirayeli, nokuba kwa mna, Yehova, ndi ngutixo wenu, engeko wumbi; kanjalo abasayi kuba nokudana abantu bam napakade.
28
KWAKUYA kuti emva kwoko, ndogalela umoya wam pezu kwoluntu lwonke; babeya kuprofitesha onyana benu nentombi zenu; amaxego enu aya kupupa amapupa, amadodana enu aya kubona imiboniso:
29
ewe, napezu kwezicaka, napezu kwezicakakazi, ndiya kugalela umoya wam ngaleyomihla.
30
Ndandiya kubonakalisa imimangaliso emazulwini nasemhlabeni, igazi, nomlilo, nemiqulu yomsi.
31
Ilanga liya kuguqulwa libe bumnyama, nenyanga ibe ligazi, ungekafiki umhla omkulu owoyikekileyo kayehova.
32
Kwakuya kuti, bonke abaya kubiza egameni likayehova bosindiswa; ngokuba entabeni ye‐Ziyone, nase‐Yerusaleme, kuya kubako ukusinda, njengokuba etshilo uyehova, napakati kwabaseleyo abaya kubizwa nguyehova.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3