bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Joel 3
Joel 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
1
NGOKUBA, bona ke, ngemihla leyo, nangexesha elo, okuya ndiya kubuyisa ukutinjwa kwo‐Juda ne‐Yerusaleme,
2
ndiya kwandula ndizihlanganise zonke izizwe, ndizihlisele emhlanjeni we‐Yehoshafate, ndipikisane nazo kona apo, ngenxa yabantu bam nelifa lam o‐Sirayeli, ezibacitileyo pakati kwezizwe, zalaba ilizwe lam;
3
ezenzele abantu bam iziqashiso, zavuza umpinyiswa ngenkwenkwe, zatenga iveyine ngentombazana, ukuze zisele.
4
Kanene ke, niyinto nina kum, nina Tire ne‐Tsidone, nayo yonke imida yase‐Filistiya? noyenza impindezelo kum na? nakuba nipindezela kum, ndokauleza ndinxame ndibuyise impindezelo yenu pezu kweyenu intloko;
5
ngokuba isilivere yam negolide yam nizisusile, nento zam ezintle, ezinqwenelekileyo, nizisile ezitempileni zenu;
6
nonyana baka‐Juda, nonyana base‐Yerusaleme, nibatengisile konyana bama‐Javane, ukuze nibafuduse kude emdeni wabo.
7
Bona ke, ndiya kubavusa kulondawo apo nibatengisele kona, ndibuyise impindezelo yenu pezu kweyenu intloko;
8
ndandiya kutengisa onyana benu nentombi zenu esandleni sonyana baka‐Juda, bati bona babatengise kuwo ama‐Sheba, kwisizwe esikude; ngokuba etshilo uyehova.
9
Shumayelani oku pakati kwezizwe; lungisani imfazwe; vusani amaṙoti; makasondele onke amadoda okulwa; makanyuke.
10
Kandani amakuba enu abe ziziṙele, namaṙenqa enu abe zizikali; makati lowo obutataka: Ndiliṙoti.
11
Kaulezani nize, nonke nina zizwe ezingqongayo, nizihlanganise! Zuwahlisele apo amaṙoti ako, Yehova!
12
Mazivuswe izizwe, zinyukele emhlanjeni we‐Yehoshafate; ngokuba apo ndiya kuhlala ukugweba zonke izizwe ezingqongayo.
13
Fakani iṙenqa, ngokuba isivuno sesivutiwe; yizani, nihle ke, ngokuba isincinezelo seveyine sizele, ifatye zipupuma; ngokuba inkohlakalo yazo inkulu.
14
Izihlwele! izihlwele emhlanjeni womgwebo! ngokuba ukufupi umhla kayehova emhlanjeni womgwebo.
15
Ilanga nenyanga zoba mnyama, nenkwenkwezi ziya kufinyeza ukukanya kwazo.
16
Waeya kugquma uyehova e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; kwongcangcazela amazulu nomhlaba: kodwa uyehova yindawo yokupepela kubo abantu bake, nenqaba kulo usapo luka‐Sirayeli.
17
Naniya kukwazi ukuba mna Yehova ndi ngutixo wenu, ndihleli e‐Ziyone, entabeni yam engcwele: iya kwandula ibe ngcwele i‐Yerusaleme, nabasemzini abasayi kubuya bacande kuyo.
18
Kwakuya kuti ngalomhla, intaba ziya kutontsela iveyine entsha, nenduli ziya kwela ngamasi, nayo yonke imilambo yakwa‐Juda yoncenceza ngamanzi, wauya kupuma umtombo endlwini kayehova, uyinyele intili ye‐Shitime.
19
I‐Jipete yoba yingci̔takalo, ne‐Edome yoba lubala oluci̔takeleyo, ngenxa yobudlwengu obenzelwe onyana baka‐Juda, ngokuba bepalazile igazi elingenatyala elizweni labo.
20
Kodwa i‐Juda yomiwa ngonapakade, ne‐Yerusaleme ngesizukulwana ngesizukulwana.
21
Ndandiya kuhlambulula igazi labo e ndinga li hlambululanga; waye uyehova eya kuhlala e‐Ziyone.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
All chapters:
1
2
3