bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jonah 1
Jonah 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
1
ILIZWI likayehova leza ku‐Jona, unyana ka‐Amitai, lisiti:
2
Suka, uye e‐Nineve, esosixeko sikulu, ushumayele ngakuso; ngokuba inkohlakalo yabo inyukele pambi kwam.
3
Kodwa u‐Jona wesuka ukuba asabele e‐Tareshishe, esaba ebusweni bukayehova; wehla waya e‐Jopa, wayifumana inqanawa isiya e‐Tareshishe, wanika umvuzo wayo, wangena kuyo, ukuba ahambe nabo ukuya e‐Tareshishe, esaba ebusweni bukayehova.
4
Kodwa uyehova wahlisa pezu kwolwandle umoya omkulu, kwaza kwabako uqwitela olukulu elwandle, yada inqanawa yanga iya kwapuka.
5
Bandula boyika omatrose, bakala abanye ngabanye kotixo babo, baziposa impahla ezisenqanaweni elwandle, ukuba yenziwe lula ngazo; kodwa u‐Jona ebehlele emacaleni enqanawa, walala ubutongo obukulu.
6
Yaza yasondela kuye inkosi yenqanawa, yati kuye: Yinina, ulele butongo nje? Suka, ubize kutixo wako, kungati uya kusikumbulela utixo lowo, ukuba singabubi.
7
Baye besiti omnye kwomnye: Yizani, masenze amaqashiso, ukuze sikwazi kungenxa yobanina elilishwa lipezu kwetu. Bandula bawenza amaqashiso, lati iqashiso lawa pezu kwake u‐Jona.
8
Baza bati kuye: Zusixelele ke kungenxa yobanina elilishwa lipezu kwetu? Yinto nina umsebenzi wako? Uvela pina? Ilizwe lako lelinina? Ungowasebantwini bapina?
9
Wayesiti kubo: Ndingum‐Hebere mna; ndiyamoyika uyehova, utixo wezulu, owadala ulwandle n omhlaba owomileyo.
10
Aza oyika amadoda lawo ngokwoyika okukulu, ati kuye: Yinina lento uyenzileyo? Ngokuba ebesazi amadoda lawo ukuba uyesaba ebusweni bukayehova, ngokuba ebewaxelele.
11
Alekela ukuti kuye: Sesiya kwenza nto nina kuwe, luze ulwandle lusizolele? ngokuba ulwandle belumana lusilwa ngakumbi.
12
Wayesiti kuwo: Ndifunquleni, nindiposele elwandle; luya kwandula ulwandle lunizolele; ngokuba ndisazi kungenxa yam oluqwitela lukulu lupezu kwenu.
13
Aza amadoda lawo aqu̔ba kakulu ukuba abuyisele emhlabeni inqanawa; akohlwa noko, ngokuba ulwandle belumana lusilwa ngakumbi ngakuwo.
14
Ngako abiza kuyehova, ati: Uz’ uti ke, Yehova! masingabubi ke ngenxa yobomi balendoda, zungabeki pezu kwetu igazi elingenatyala: ngokuba wena, Yehova! wenzile njengoko ukutandileyo.
15
Asuka amfunqula u‐Jona, amposela elwandle, lwand’ ukunqumama ulwandle ekujaleni kwawo.
16
Aza amadoda lawo amoyika uyehova ngokwoyika okukulu, ambingela uyehova umbingo, azenza izibambiso.
17
Kekaloku uyehova ebemisele intlanzi enkulu ukuba imginye u‐Jona. Wabentsuku ntatu u‐Jona esiswini sentlanzi leyo.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4