bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jonah 4
Jonah 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
1
Kodwa kwabuhlungu ku‐Jona ngobuhlungu obukulu, waqumba ke.
2
Waza watandaza kuyehova, wati: Ke, Yehova! ilizwi lam belingelilo eli na, xeshekweni bendiseko elizweni lam? Ngako oko ndapangela ngokwesabela e‐Tareshishe; ngokuba bendisazi ukuba wena u ngutixo onofefe nenceba, oqumba kade, onobubele obukulu, onosizi ngobubi.
3
Nakaloku, Yehova! uze ususe kum ubomi bam: ngokuba kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
4
Wandula wati uyehova: Uyalungisa ukuqumba na?
5
Wasuka wemka u‐Jona esixekweni, wahlala ngecala lasempumalanga lesixeko, wazenzela kona ipempe, wahlala ngapantsi kwalo emtunzini, wada wabona kwohla nto nina esixekweni.
6
Waza uyehova utixo wamisela ikikayone, wayinabisela pezulu pezu kwo‐Jona, ukuba ibe ngumtunzi pezu kwentloko yake, ukumkulula ebuhlungwini bake. Wati u‐Jona wavuya ngovuyo olukulu ngenxa yayo ikikayone.
7
Kodwa utixo wamisela intlava ekunyukeni kwesifingo, kwakusa, eyayona ikikayone, yada yabuna.
8
Kwaza kwati, lakupuma ilanga, utixo wamisela umoya wasempumalanga olulwopu, lati ilanga labalela pezu kwentloko ka‐Jona, wada wacubuka, wazicelela ukuba makafe, wati: Kulungile ukufa kwam ngapezu kwobomi bam.
9
Wandula utixo wati ku‐Jona: Uyalungisa ukuqumba na ngenxa yekikayone? Wayesiti: Ndiyalungisa ukuqumba, kude kube sekufeni.
10
Wayesiti uyehova: Wena ubetwe lusizi pezu kwekikayone, ongazamanga ngayo, nongayikulisanga; eyapumayo ebusuku bunye, eyabubayo ebusuku bunye kanjako:
11
nam ke, ngendingabetwa lusizi na pezu kwe‐Nineve, esosixeko sikulu, ekukuso abantu abagqita amawaka alikulu linamashumi mabini abangeqiqe pakati kwesokunene isandla sabo nesokohlo sabo, nento eninzi yenkomo?
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
All chapters:
1
2
3
4