bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Jonah 3
Jonah 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
ILIZWI likayehova leza ku‐Jona ngokwesibini, lisiti:
2
Suka, uye e‐Nineve, esosixeko sikulu, ushumayele kuso isishumayelo endisityelayo kuwe.
3
Wesuka ke u‐Jona, waya e‐Nineve, njengelizwi likayehova. Kekaloku i‐Nineve ibisisixeko esikulu pambi kwotixo, esehambo yemihla mitatu.
4
Waza u‐Jona waqala ukungena esixekweni, ihambo yamini nye; wayeshumayela, wati: Kuseko imihla imashumi mane, kuya kwand’ ukuci̔twa i‐Nineve.
5
Baza abantu base‐Nineve bakolwa ngutixo, bashumayela inzilo, bambata intlakantlaka, kwa kubo abakulu kwada kwakubo abancinane.
6
Ngokuba ilizwi elo lafikela kukumkani we‐Nineve, owesuka eteroneni yake, wasusa umnweba wake, wazigubungela ngentlakantlaka, wahlala pantsi elututwini.
7
Kwaza kwadandulukwa kwaxelwa e‐Nineve, ngomteto wokumkani nabakulu bake, ukuti: Makungeva nto abantu nenkomo, inkabi negusha; mabangatyi ukutya, mabangaseli amanzi:
8
mabati abantu nenkomo bagujungelwe ngentlakantlaka, babize kutixo ngamandla; kanjalo mabaguquke bonke ngabanye kuyo indlela yabo ekohlakeleyo, nakubo ubudlwengu obusezandleni zabo.
9
Ngubanina owaziyo? angaguquka utixo abe nosizi, aguquke ebushushwini bengqumbo yake, size singabubi.
10
Kekaloku utixo wabona izenzo zabo, zokuba baguquka kuyo indlela yabo ekohlakeleyo; waza utixo waba nosizi pezu kwobubi owabete uya kubenza kubo, akabenza ke.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4