bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Malachi 2
Malachi 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
1
Nakaloku kutunyiwe kuni lomyalelo, baperisite!
2
Nxa ningayi kupulapula, nanxa ningayi kubeka intliziyo, ukuba kudunyiswe igama lam, utsho uyehova wemikosi, ndiya kwandula nditume isiqalekiso pakati kwenu, ndiwaqalekise amatamsanqa enu: ewe, ndowaqalekisa onke ngamanye, ngokuba ningabeki intliziyo.
3
Bona ke, ndiya kukalimela imbewu yenu; ndandiya kuci̔ta umswane pezu kwobuso benu, umswane wemibingo yemitendeleko yenu; nani nosuswa kunye nawo.
4
Naniya kukwazi ukuba ndiwutumile kuni lomyalelo, luze lubeko ucebano lwam no‐Levi, utsho uyehova wemikosi.
5
Ucebano lwam beluko naye, ubomi noxolo; ndandizinika kuye, ngenxa yokwoyika wandoyika ngako, nokunkwantya abenako pambi kwegama lam.
6
Umteto wenyaniso ubusemlonyeni wake; ubumenemene bebungafunyanwa pezu kwodebe lwake; wahamba nam ngoxolo nangolungelelano, nabaninzi wabanqanda enkohlakalweni.
7
Ngokuba umlomo womperisite ngeugcina ukwazi, nomteto ngekufunwa wona emlonyeni wake; ngokuba yena esisitunywa sikayehova wemikosi.
8
Nina kodwa, nipambukile endleleni, nibaku̔bekisile abaninzi emtetweni, nilwonakalisile ucebano luka‐Levi, utsho uyehova wemikosi.
9
Ngako nam ndinenzile abadelekileyo nabatobekileyo pambi kwabo bonke abantu; ngokokuba ningagcinanga indlela zam, kodwa nipete umteto ngokuketa abantu.
10
TINA sonke asinaye ubawo emnye na? asi nguye utixo emnye osidalileyo na? kunganina ukuba sipatane ngobuxoki, siludyoba ucebano lwobawo betu nje?
11
U‐Juda wenzile ngobuxoki, nento eyintshontsho yenziwe kwa‐Sirayeli nase‐Yerusaleme; ngokuba u‐Juda ebudyobile ubungcwele bukayehova, obo wabutandayo, wayizeka intombi yotixo wasemzini.
12
Uyehova uya kunqamla umntu okwenzayo oku, lowo olindayo, nalowo opendulayo, ezintenteni zakwa‐Yakobi, nalowo onikela umnikelo wokudla kuyehova wemikosi.
13
Lento ke niyenzile ngokwesibini, nigubungela isibingelo sikayehova ngenyembezi, ngokulila nangokugula, ude ungabi sabekwa umnikelo, ungamkelwa ngembuko esandleni senu kanjalo.
14
Noko niti: Ngenxa yanina? Ngenxa yokuba uyehova ebelinqi̔na pakati kwako nomfazi wobutsha bako, owenzileyo ngobuxoki ngakuye, nangona abengumlinganekazi wako, nomfazi wocebano lwako.
15
Kanene akamnye na amdalileyo, nakuba abenesisalela somoya? Ebemnye nganina? Ngokuba efuna inzalo katixo. Ngako lumkelani umoya wenu, ukuba kungabiko owenza ngobuxoki emfazini wobutsha bake.
16
Ngokuba etiya ukuba kulahlwe, utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, nokuba indoda igubungele ingubo yayo ngobudlwengu, utsho uyehova wemikosi: ngako lumkelani umoya wenu, ukuba ningenzi ngobuxoki.
17
NIMDINISILE uyehova ngamazwi enu. Noko niti: Simdinisile ngokuyinina? Ngokutsho kwenu ukuti: Bonke abakwenza okukohlakeleyo balungile emehlweni kayehova, uyabatanda; umhlaumbi ngokuti: Upina utixo wobugwebo?
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4