bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Malachi 3
Malachi 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
1
Bona ke, ndiya kutuma isitunywa sam, esiya kulungisa indlela pambi kwam; yaiya kuza ngokwalama etempileni yayo inkosi eniyifunayo, kwa isitunywa socebano enisitandayo: bona ke, iya kuza, utsho uyehova wemikosi.
2
Kodwa umhla wokuza kwayo ngubanina ongawunyamezelayo? kanjalo ngubanina ongemayo yakubonakala? ngokuba injengomlilo wencibi yegolide, nanjengesepe yabasuki.
3
Iya kuhlala ke, icokisa ihlambulula isilivere; yobahlambulula onyana baka‐Levi, ibacokise njengegolide nanjengesilivere, ukuze banikele umnikelo wokudla kuyehova ngobulungisa.
4
Uya kwandula ube mnandi kuyehova umnikelo wokudla wo‐Juda ne‐Yerusaleme, njengasemihleni yakudala, nanjengaseminyakeni yangapambili.
5
Kodwa ndiya kusondela kuni kuze kugwetywe; ndandiya kuba linqi̔na elikaulezayo ngakuzo izanuse, nangakubo abaṙexezi, nangakubo abafungayo ngobuxoki, nangakubo abamhluta umqashwa umvuzo wake, ababandezela umhlolokazi nenkedama, nabasongayo owasemzini ebangweni lake, bengandoyiki mna, utsho uyehova wemikosi.
6
Ngokuba ndi nguyehova, andiguquki: kukona ningagqityelwanga, nina bonyana baka‐Yakobi!
7
Kuselokwemihla yoyihlo benu nipambukile kuyo imimiso yam, ningayigcinanga: buyelani kum, ndandiya kubuyela kuni, utsho uyehova wemikosi. Kanti niti: Sobuya nganina?
8
Woti umntu ampange utixo na? Nipangile mna noko. Kanti niti: Sikupangile nganina? Ngamashumi nangeminikelo.
9
Niqalekisiwe ngesiqalekiso; ngokuba nina, esisizwe sonke, nindipangile.
10
Zisani onke amashumi endlwini yokubekela, ukuze kubeko ukudla endlwini yam, nize nindilinge ke ngoku, utsho uyehova wemikosi, ukuba andiyi kunivulela na izituba zezulu, ndinitululele itamsanqa, kude kugqitise ukwanela.
11
Nento edlayo ndiya kuyikalimela ngenxa yenu; ayiyi kuzonakalisa izixakato zomhlaba wenu: kanjalo umti weveyine wenu entsimini awuyi kuputa, utsho uyehova wemikosi.
12
Ewe, izizwe zonke ziya kuti ninetamsanqa; ngokuba niya kuba lilizwe elitandekileyo, utsho uyehova wemikosi.
13
Amazwi enu ebelukuni ngakum, utsho uyehova; kodwa niti: Yinto nina siyitetileyo ngakuwe?
14
Nite: Kufumana kukonzwa utixo; kunceda nto nina ukuba sigcina isigcinelo sake, nokuba sihamba silila pambi kwoyehova wemikosi?
15
Ngokuba kaloku siti banetamsanqa abar̔atshileyo; ewe, bayakiwa abo bayenza inkohlakalo; he, bayamlinga utixo, basindiswe noko.
16
Oko batetana abo bamoyikayo uyehova omnye nomnye; wapulapula uyehova, weva ke; kanjalo incwadi yokukumbuza yaba̔lwa ebusweni bake, iba̔l elwa abo bamoyikayo uyehova, nabacingayo igama lake.
17
Boba yinto enqabileyo kum, utsho uyehova wemikosi, ngalomhla endiwenzayo; ndandiya kuba nezibele kubo, njengokuba uyise enezibele kunyana wake omkonzayo.
18
Niya kwandula nibuye niqiqe pakati kwolungileyo nokohlakeleyo, pakati kwalowo umkonzayo utixo, nalowo ungamkonziyo.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4