bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Song of Solomon 1
Song of Solomon 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 2 →
1
INGOMA yengoma, eyeka‐Solomone.
2
Makandange ngokwanga kwomlomo wake: ngokuba utando lwako lumnandi pezu kweveyine.
3
Amafuta ako amnandi ngevumba; igama lako li njeng amafuta atululwayo; kukona intombi zikutandayo.
4
Ndir̔ole, sobaleka emva kwako: ukumkani undingenisile ezinkambilini zake; siya kugcoba sivuye ngawe; utando lwako soluncoma ngapezu kweveyine; abalungileyo bayakutanda.
5
Ndimnyama, ndinobuhle noko, nina zintombi zase‐Yerusaleme! njengentente zakwa‐Kedare, njengezikuselo zika‐Solomone.
6
Ungandikangeli kuba ndimnyamaṙa, ngokuba ilanga lindibalelele: bati onyana bakama̔ bandiqumbela, bandenza umlindi wemiyezo; owam umyezo andiwulindanga.
7
Ndixelele, wena utandwayo ngumpefumlo wam! kupina apo walusayo? kupina apo ubutumisa kona emini enkulu? ngokuba kunganina ukuba ndibe njengogqubuteleyo, ngasemihlambini yamakolwane ako?
8
Ukuba akwazi, wena mhle pakati kwamankazana! puma uye emikondweni yomhlambi, uwaluse amatakane ako ngasezintenteni zabalusi.
9
Ndikufanisile, sihlobokazi sam! nehashe lam pakati kw a wenqwelo zika‐Faro.
10
Zihle izidlele zako pakati kwezitsaba, nentamo yako pakati kwezidanga.
11
Sokwenzela izitsaba zegolide, kunye namaqulana esilivere.
12
Nxa ukumkani angasetafileni yake, inadusi yam iyanika ivumba layo.
13
Sisiqunyana semore isitandwa sam kum, e sihlala pakati kwamabele am.
14
Sisipa sentyatyambo zekofere isitandwa sam kum, emiyezweni yase‐Henegedi.
15
Bona ke, umhle, sihlobokazi sam! bona ke, umhle; amehlo ako ngamahobe.
16
Bona ke, umhle, sitandwa sam! ewe, umnandi: kanjalo umandlalo wetu uluhlaza;
17
imiqadi yendlu yetu zisedare; isifulelo setu ziberoshe.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8