bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Song of Solomon 6
Song of Solomon 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 7 →
1
Siye ngapina isitandwa sako, wena mhle pakati kwamankazana? sijikele ngapina isitandwa sako? ukuze sisifune kunye nawe.
2
Isitandwa sam sihlile ukuya esitiyeni saso, ezindimeni zebeseme, ukudla ezitiyeni, nokuka inyibiba.
3
Mna ndingowesitandwa sam, nesitandwa sam sisesam: siyalusa pakati kwazo inyibiba.
4
Umhle wena, sihlobokazi sam, njenge‐Tiretsa, unobuhle njenge‐Yerusaleme, unokwoyikeka njeng emikosi ezipete ibanile.
5
Nqanda amehlo ako kum, ngokuba ndiseyiswa ngawo; inwele zako zinjengomhlambi webokwe ezibonakalayo e‐Gileyadi.
6
Amazinyo ako anjengomhlambi wegushakazi, ezinyukayo endaweni yokuhlambela, eziti zonke ngezinye zizale amawele, nekungeko pakati kwazo efelweyo.
7
Isidlele sako sinjengeqezu legranate ngasemva kwesigqubutelo sako.
8
Kuko okumkanikazi abamashumi matandatu, namashweshwe angamashumi asibozo, nentombi ezingenakubalwa.
9
Umnye lowo olihobekazi lam, umcocwakazi wam; lowo ungokupela kwonina, lowo ungotandekileyo kowamzalayo. Zambona intombi, zambiza ngonetamsanqa; kwa okumkanikazi, namashweshwe, bamdumisa, besiti:
10
Ngubanina lo oti gqi njengokusa, emhle njengenyanga, emhlope njengelanga, esoyikeka njeng emikosi ezipete ibanile?
11
Ndehlela esitiyeni senote, ukuya kukangela imifuno yasentilini, ukubona ukuba umti weveyine uyaqumba na, ukuba igranate ziyahluma na.
12
Ndingekazi ke, wati umpefumlo wam wandibeka pakati kwenqwelo zabantu bam abadumileyo.
13
Buya, buya, Mshulemekazi! buya, buya, ukuba sikubonele. Yinina ukuba nimbonele um‐Shulemekazi, njengomdudo wezintlu mbini?
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8