bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Song of Solomon 5
Song of Solomon 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 6 →
1
Ndingenile esitiyeni sam, dade wam, mtshakazi! ndikile imore yam kunye nesimnandi sam; ndityile incindi yam kunye nobusi bam; ndiselile iveyine yam kunye nobisi lwam. Yidlani, bahlobo! selani, nikolise ukusela, batandwa!
2
BENDILALA butongo, kodwa yapapama intliziyo yam: Ilizwi lesitandwa sam! siqongqota! Ndivulele, dade wam, sihlobokazi sam, hobekazi lam, mcocwakazi wam! ngokuba intloko yam izele ngumbete, nezihlita zam ngamatontsi obusuku.
3
Ndisusile isivato sam; sendiya kuti nina ukusifaka? ndihlanzile inyawo zam; sendiya kuti nina ukuzidyoba?
4
Saye isitandwa sam sisusa isandla saso esitubeni socango, waza umbilini wam wanesitukutezi ngenxa yaso.
5
Ndesuka ke ukuya kuvulela isitandwa sam; zati izandla zam zatontsela imore, neminwe yam imore epupumayo, pezu kwezipato zomvalo.
6
Ndavulela isitandwa sam; kodwa isitandwa sam sasishenxile, besidlulile: wawa umpefumlo wam sakuteta: ndasifuna, kanti bendingasifumani; ndasibiza, kanti besingandisabeli.
7
Bandifumana abalindi abahambahambayo esixekweni, bandibeta, bandenzela inxeba; abagcini bendonga bandihluta isilengalenga sam.
8
Ndiyanifungisa, nina zintombi zase‐Yerusaleme! nxa niya kusifumana isitandwa sam, nosixelela nto nina? Sixelele okokuba ndiyafa lutando.
9
Siyinto nina isitandwa sako ngapezu kwesitandwa somnye, wena mhle pakati kwamankazana? Siyinto nina isitandwa sako ngapezu kwesitandwa somnye, ukuba usifungisile ngokunjalo?
10
Isitandwa sam simhlope, sibomvuṙa; singowazekileyo ngapezu kwamawaka alishumi.
11
Intloko yaso inga iyigolide ecokisiweyo, izihlita zaso ezilengalengayo zimnyama njengonomyai.
12
Amehlo aso anjengamahobe ngasemilanjaneni yamanzi, ehlamba elubisini, ehleli ekuzaleni.
13
Izidlele zaso zinjengendima yebeseme, njeng endawo ezipakamileyo zezityalo ezimnandi; umlomo waso u njeng enyibiba, utontsela imore epupumayo.
14
Izandla zaso zi njeng emisesane yegolide, ifakelwe ng amatye etareshishe; isisu saso si njeng opondo lwendlovu olugudisiweyo, lugujungelwe ng amatye esafire.
15
Imilenze yaso i njeng entsika zelitye elimhlope, zimisiwe pezu kweziseko zegolide ecokisiweyo. Ukubonakala kwaso kunjenge‐Lebanone; sidlulisile njengesedare.
16
Ikuhlangubo laso liyolile kunene; he, isiqu sonke sitandekile kakulu. Sinjalo isitandwa sam, ewe, sinjalo isihlobo sam, nina zintombi zase‐Yerusaleme!
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8