bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Titus 1
Titus 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
1
UPAULUSI, isicaka sikatixo, nompostile ka‐Yesu Kristu, ngokwokolo lwabaqashwa bakatixo nokwaziwa kwenyaniso eyelelana nobubedesho,
2
etembeni lobomi obungunapakade, owayete utixo ongenakuxoka wabubekela ngedinga engekabiko onke amaxesha akudala,
3
kodwa walibonakalisa kwawake amaxesha ilizwi lake ngentshumayelo, endapatiswa yona ngokwomyolelo womsindisi wetu utixo;
4
kuye u‐Titusi, owam umntwana wenyaniso ngokwokolo olulolwabo bonke: Ufefe, ububele, n oxolo, luvela kuye utixo uyise, nenkosi u‐Yesu Kristu umsindisi wetu.
5
Ngenxa yalendawo ndakushiya e‐Kirete, ukuba uhambise ukuzilungisa ezonto zisaswelekileyo, ubamise abadala kuzo zonke izixeko, njengoko ndakuyalelayo:
6
ukuba kuko onganikwa tyala lanto, eyindoda yomfazi mnye, enabantwana abakolwayo, bengenakunikwa tyala labubedengu, bengengabangenakululamela kanjalo.
7
Ngokuba ongumlindi efanele ukuba abe ngonganikwa tyala lanto, njengokuba eligosa likatixo; angabi ngonenkani, angabi ngoqumba msinya, angabi ngohlala kade pezu kweveyine, angabi ngumbeti, angabi ngonxamela inzuzo embi,
8
abe ngumbuki wabasemzini, umtandi wabalungileyo, enobutelekelelo, enobulungisa, enobungcwele, enobunca̔tu:
9
ebambelela kwilizwi elinyanisekileyo njengokufundiswa kwake, ukuze abe namandla kwa nokuyala ngemfundiso enobomi, nokwanyela abapikayo.
10
Ngokuba kuko abafumana beteta nabakohlisi abaninzi abangenakululamela, abona banjalo kakulu bengabo basekwalukeni;
11
abamilomo ifanele ukutiwa vingci, ekubeni baziwisayo izindlu zipela, befundisa izinto ekungafanele ukuba bazifundise, ngenxa yenzuzo embi.
12
Watsho umntu wakuwo, umprofite wakowawo, ukuti: Ama‐Kirete ngamaxoki futi, ngamar̔amncwa amabi, zizisu ezinqenayo.
13
Ubunqi̔na obu buyinene. Yiti ngenxa yelituba ubohlwaye ngobukali, ukuze babe bepilile elukolweni:
14
benganyamekeli intsomi zakuma‐Juda nemiyalelo yabantu abapambukayo kwinyaniso.
15
Kubo abacocekileyo zonke izinto zicocekile: kodwa kubo abanco̔lisekileyo nabangakolwayo akuko nto ecocekileyo; koko kunco̔lisekile kwa noluvo lwabo nesazeliso sabo.
16
Bayaxela ukuba bayamazi utixo; kodwa emisebenzini yabo baya m kanyela, bengabazondekayo, nabangevayo, nangakuyo yonke imisebenzi elungileyo benokwaliwa.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3